IZIKHOKELO EZINGOKULINGANA KWISINI
INGABULA ZIGCAWU
Njengoko sisazi ukuba isini yindlela yokwahlula abantu entlalweni kwaye sinophawu lokungalingani, injongo yalo mgaqo kukugxininisa ukuba kubekho ulingano kwisini kwaye kujongwe nokuxhotyiswa kwabasetyhini/ kwabafazi. Ukusetyenziswa kwenkqubo yolingano kwisini kujolise ekuqinisekiseni ubulungisa kwindlela abaphethwe ngayo abasetyhini namadoda ngokunjalo nokubandakanywa kwabo kumanyathelo awodwa okujongana nokungalingani kwisini nokwandisa ukuzimela kwabasetyhini. La manyathelo awodwa nale nkqubo yokuxhobisa, zizinto ezibalulekileyo ekunyangeni ubudlelwane bokungalingani ngamagunya phakathi kwabasetyhini namadoda.
Idemokhrasi yethu ayizuzanga nje ilifa lokungalingani ngokwenqanaba nobuhlanga, kodwa ikwazuze nelifa lokungalingani okwendeleyo kwisini. Oku kungalingani ngokwesini sisiphumo sendlela ekubonwa ngayo izinto entlalweni nangokwenkcubeko neengcinga ezisoloko zisetyenziswa njalo malunga nendima yabasetyhini neyamadoda phakathi koluntu. Ukungalingani phakathi kwamadoda nabafazi kuphinde komelezwa yingcinga yamandulo engathi yeyobuKrestu, ubuntloko bendoda ekhaya kwanobuhlanga. Inkqubo yokusebenza kude nekhaya nengcinga yombuso eyayivumela ukungalingani nokuxhatshazwa kwezoqoqosho, zizinto ezo ezenza lehla ngakumbi izinga labasetyhini, ingakumbi abafazi abamnyama.
Umba weembono zesini ngokwemigaqo yezoqhakamshelwano ngefowuni, usasazo nezePosi, ngomnye wemibandela ephambili ekwakheni ngokutsha nasekucwangciseni kweli candelo lezoqhakamshelwano. Ukuba eyona njongo kukuba kufikelelwe lihlabathi lonke kwiinkonzo zoqhakamshelwano ngefowuni, asisayi kuzuza iziphumo esizifunayo ukuba singangawukhathaleli umba wesini kwinkqubo yokucwangcisa. Akukho mfuneko yokuba kubekho ukungangqinelani phakathi kweenjongo zesesini neenjongo zophuhliso; kwelinye icala iyacaca into yokuba enye indlela yokwenza ukuba kufikelelwe kwezoqhakamshelwano, kuqukwa ifowuni nezolwazi kwezobuchwepheshe njenge-Intanethi, kubantu abangenazo ezi nkonzo nabo banemivuzo ephantsi, kukukhuthaza amashishini amancinci okanye aphakathi, amaninzi wawo aqhutywa ngabafazi, ngamaqela abafazi okanye abantu ebebehlelelekile okanye abahlwempuzekileyo. Inkqubo enjalo ingavumela imigaqo yokuyila neyawo wonke ubani. Eneneni, ukuvumela imigaqo ngeembono zesini kwezoqhakamshelwano kuthetha ukuqonda ngokupheleleyo indlela ebebephethwe ngokwahlukileyo ngayo abafazi namdoda entlalweni kwaye kwakhona kuqondwe nemiphumela eyahlukeneyo yomgaqo kwezi zini zingafaniyo.
Izinto ezinzulu zoLwazi loBuchwepheshe kwezoQhakamshelwano ezibhekisa kumadoda nabafazi kwingqesho,kwimfundo, kuqeqesho nakweminye imimandla yobomi yokuziphuhlisa zithetha ukuba abafazi badinga ukukhuthazwa nokuxhaswa ukuba bathathe indawo yabo kwinguquko yolwazi. Umzekelo, ukugxininisa kwabafazi kumsebenzi wokuba ngoomabhalana kwezoLwazi loBuchwepeshe kwezoQhakamshelwano ukubasi ndawo kumanqanaba oLwazi loBuchwepheshe kwezoQhakamshelwano. Iya kuthetha ntoni na imfuneko yokwanda kwamanqanaba obuchule bokwenza kwingqesho yabafazi kuLwazi loBuchwepheshe kwezoQhakamshelwano kwixa elizayo? Izifundo ezenziweyo zibonisa ukuba amadoda asaqhuba ukubangaphaya kwabafazi kuqeqesho olufunekayo lomsebenzi ofuna ubuchule bokwenza obukumgangatho ophezulu. Kwelinye icala, abafazi eAfrika baxakeke kakhulu yimisebenzi yorhwebo olucwangcisiweyo nolungacwangciswanga. Akukho mathandabuzo kwinto yokuba abafazi nguwona mkhosi omkhulu kuqoqosho kumazwe asaphuhlayo. Njengoko uqoqosho luhamba nolwazi , imibandela yokufikelela kwabafazi kulwazi; ukuvelisa nokudlulisa ulwazi zizinto eziya zibaluleka e-Afrika.
Ukuxhotyiswa kwabafazi nokuthatha inxaxheba kwabo ngokupheleleyo ngokokulingana kuwo onke amanqanaba oluntu, kuqukwa nokuthatha inxaxheba kwinkqubo yokwenza izigqibo nokufikelela kumagunya, zizinto ezo eziphambili ekuzuzweni kolingano, uphuhliso noxolo.
Lo mgaqo unika umboniso weziphumo, iindlela zokwenza, imisebenzi nezikhokelo zokuxhasa ukuzuzwa kolingano kwisini. Ubulungisa yindlela ukuze ulingano ibe sisiphumo.
Indibaniselwano eguqukileyo esekwe kulingano phakathi kwabafazi namadoda yimeko yophuhliso oluzinzileyo olubeka abantu phambili".
Intetho yaseBeijing yokuthatha iNyathelo kwiNkomfa yeSine yeLizwe jikelele yeZizwe eziManyeneyo, eBeijing, 1995
INGQIQO-SISEKO YECANDELO LEZIKHOKELO ZOLINGANO KWISINI
Iriphabhlikhi yoMzantsi Afrika yaqinisela iNgqungquthela yokuShenxisa zonke Iindlela zokuCalula Abafazi (iCEDAW ngamafutshane kolwasemzini) ngomhla we-15 kuDisemba wowe-1995 ngaphandle kwamathidala. ICEDAW imemeza yonke imibuso ukuba 'ikhabe ucalucalulo lwabafazi lwandlela zonke, ivume ukulandela ngazo zonke iindlela nangaphandle kokulibazisa umgaqo oshenxisa ucalucalulo lwabafazi ukuze kusetyenziswe umgaqo ohamba nomgaqo-siseko nowisomthetho namanyathelo asebenzayo ukuze kuzuzwe ulingano lwabafazi. Ngokubhekiselele kumalungiselelo eCEDAW, uMgaqo-siseko woMzantsi Afrika uthi:
Nasiphi na isivumelwano selizwe lonke liphela siba ngumthetho kwiRiphabhlikhi xa simiselwa emthethweni luwisomthetho lukazwelonke; kodwa igatya elizilawulayo lesivumelwano esivunywe yiPalamente ngumthetho kwiRiphabhlikhi ngaphandle kokuba asihambiselani noMgaqo-siseko okanye uMthetho wePalamente. Xa kutolikwa naluphi na uwisomthetho, zonke iinzame mayibe zezokutolika ngendlela efanelekileyo ehambelana nomthetho welizwe lonke liphela ngaphezu kokutolika ngendlela engahambiselaniyo nomthetho welizwe liphela."
KwiNkomfa yeSine yeLizwe engaBafazi eyayiqhutyelwa eBeijing ngoSeptemba 1995, uMgangatho weNyathelo (iBPA ngamafutshane kolwasemzini) wamkelwa. Le BPA yandlala uludwe lwezibophelelo neendlela zobuchule zokuphuculwa kwabafazi nokufunyanwa kokulingana kwisini kwilizwe lonke. Amacandelo A,F,G noJ eBPA, amacandelo ingakumbi ahambelana necandelo lobuchwepheshe bezoqhakamshelwano adwelisa oku kulandelayo njengendlela yokujongana nezikhewu kwanokungalingani kweli candelo:
Injongo yendlela yobuchule A1: ukuphonononga, ukwamkela nokugcina emgangathweni imigaqo ebanzi yoqoqosho neendlela zobuchule zophuhliso ezijongene nezidingo neenzame zabafazi abahlwempuzekileyo. Kufuneka kuthathwe amanyathelo.
Injongo yendlela yobuchule A2: ukuhlaziya imithetho neendlela zokwenza zolawulo ukuqinisekisa ukufikelela kwabafazi kwimithombo yobutyebi yoqoqosho. Kufuneka kuthathwe amanyathelo.
Injongo yendlela yobuchule F1: ukukhuthaza amalungelo oqoqosho abafazi nokuzimela, kuqukwa nokufikelela kwingqesho, iimeko zokusebenza ezifanelekileyo nolawulo lwemithombo yobutyebi yoqoqosho. Kufuneka kuthathwe amanyathelo.
Injongo yendlela yobuchule F2: ukwenza lula ukufikelela ngokulinganayo kwabafazi kwimithombo yobutyebi, kwingqesho kurhwebo noshishino.
Injongo yendlela yobuchule F3: ukunika iinkonzo zoshishino, uqeqesho nokufikelela kurhwebo, ulwazi nobuchwepheshe, ingakumbi abafazi abamivuzo iphantsi.
Injongo yendlela yobuchule F4: ukuqinisa amandla oqoqosho abafazi neminatha yokusebenza yorhwebo. Kufuneka kuthathwe amanyathelo.
Injongo yendlela yobuchule F5: ukushenxisa ukwahlukaniswa emsebenzini nazo zonke iindlela zocalucalulo kwingqesho. Kufuneka kuthathwe amanyathelo.
Injongo yendlela yobuchule F6: ukukhuthaza ukudityaniswa komsebenzi noxanduva losapho lwabafazi namadoda. Kufuneka kuthathwe amanyathelo.
Injongo yendlela yobuchule G1: ukuthatha amanyathelo ukuqinisekisa ukufikelela ngokulinganayo kwabafazi nokuthatha kwabo inxaxheba kumaqumrhu asemagunyeni nasekwenzeni izigqibo. Kufuneka kuthathwe amanyathelo.
Injongo yendlela yobuchule G2: ukwandisa isakhono sabafazi sokuthatha inxaxheba ekwenzeni izigqibo nakubunkokeli. Kufuneka kuthathwe amanyathelo.
Injongo yendlela yobuchule J1: ukwandisa ukuthatha inxaxheba nokufikelela kwabafazi kuvakaliso lwezimvo nasekwenzeni izigqibo kwijelo leendaba nakwiindlela zobuchwepheshe zoqhakamshelwano. Kufuneka kuthathwe amanyathelo.
Injongo yendlela yobuchule J2: ukukhuthaza indlela yokuzotywa kwabafazi elungeleleneyo nengasekwanga kwingcinga ethile.
NgoFebhruwari 1996, iKhabhinethi yoMzantsi Afrika yabophelela iSebe lezoqhakamshelwano kunye namanye Amasebe ukuba aphumeze iBPA. Icala lomgaqo wobulungisa kwezesini kuSasazo, kuQhakamshelwano ngefowuni nakwicandelo lezePosi kufuneka kugxininiswe kulo ngokoba ilizwe lizibophelele ekudibaniseni umbono wesini kwimigaqo nakwiinkqubo zonke. Kungenxa yomoya weli gunya le nto kufuneka kuthathwe amanyathelo ajolise ekuzuzeni ubulungisa kwezesini. Ukulingana kwisini ligatya loMgaqo-siseko kwaye ke ngoko kunyanzelekile. Inkululeko ayingekhe izuzwe ngaphandle kokuba abafazi bakhululwe kuzo zonke iindlela zengcinezelo. Iinjongo zoKwakha ngokutsha noPhuhliso bezinganakuqondwa ngaphandle kokuba sibona ngamehlo enyama ukuba imeko yabafazi itshintshile, ingcono kwaye abafazi baxhotyisiwe ukuba bangene phakathi kuyo yonke imiba yobomi bekunye nalo naliphi na ilungu loluntu.
Ubulungisa bokwaba kufuna ukuba abafazi bathathe inxaxheba kuluntu oluqhutywa lulwazi loQhakamshelwano lwefowuni phantsi kwesiseko sobulungisa. Iinguquko kwezobuchwepheshe kufuneka zisetyenziswe ukukhuthaza ukuxhotyiswa kwabafazi kwezoqoqosho nentlalo. Loo nto ke iya kuzala ukukhula korhwebo lokukwazi ukwenza nokudlulisa iinkonzo. Icala lobulungisa kwisini libalulekile kwakhona kwicala lophuhliso lwezakhono lwelizwe. Kwixesha lolwazi lweendlela zemveliso, olwenziwe lula luphuhliso loqhakamshelwano ngefowuni kuya kufaneleka ukushukumisa ubuchule bokwenza kwabafazi obungazange bachukunyiswa kulungiselelwa imisebenzi yokulawula neyobuchwepheshe. Kungenxa yokubaluleka kobuchule bokwenza kuphuhliso oluzinzileyo le nto kufuneka kujongwe ngokwesini ukumema abantu, uqeqesho, imigaqo yendlela yokusebenza nezinto ezenziwayo zecandelo loLwazi loBuchwepheshe kwezoQhakamshelwano. Injongo yoLwazi loBuchwepheshe kwezoQhakamshelwano nobulungisa ngokwesini kukuthatha inxaxheba ngokuzeleyo kwabafazi njengabalingane abalinganayo kuphuhliso oluzinzileyo loluntu.
IINJONGO
Ubulungisa Kwisini neNyaniso Kwisini
Ubulungisa kwisini yinkqubo yokwenza ubulungisa kubafazi namadoda. Ukuqinisekisa ubulungisa kufuneka esoloko ekhona amanyathelo okubuyekeza ukungalungelelani okukhoyo kwisini okuzalwa yimbali yethu neemeko zentlalo ezinqanda abafazi namadoda ukuba basebenze kwinqanaba elinye. Ubulungisa bukhokelela kulingano.
Ukulingana kwisini kuthetha ukuba abafazi namadoda bafumana iwonga elifanayo. Ukulingana kwisini kuthetha ukuba abafazi namadoda baneemeko ezifanayo zokuqonda amalungelo oluntu abo apheleleyo namandla okwenza igalelo kuphuhliso lukazwelonke, olwepolitiki, oloqoqosho olwentlalo nolwenkcubeko, kwaye zekuzuzwe ngeziphumo.
Ukulingana kwisini ke ngoko kukuxatyiswa ngokulinganayo luluntu lwezinto ezifanayo nezingumahluko phakathi kwabafazi namadoda neendima ezingafaniyo abazidlalayo.
Iinjongo
Ezi njongo zilandelayo zibekiwe njengezinto ekujoliswe kuzo eziya kukhuthaza kwaye zenze lula inguqu yesini yesebe neyamaziko asebenzisana nesebe elo:
Ukunyusa umgangatho newonga labafazi kwisebe nakwabo linendibaniselwano nabo;
Ukudala icandelo elibonisa ukumelwa kwabantu elibonisa iimpawu eziphambili zofundo lwamanani abantu eMzantsi Afrika;
Ukwenza lula inguqu kwizimo zabasebenzi malunga nesini , imithetho yentlalo yesini eqiniselwa kukubaluleka kwamalungelo oluntu;
Ukuzibophelela ekucimeni zonke iintlobo zocalucalulo ezisekwe kwisini, ubuhlanga, ubudala , ulwimi nokulimala.
Ukufaka isini kuyo yonke imigaqo neenkqubo zesebe lezoqhakamshelwano nombutho ongumbululu wesebe. Kwangaxeshanye isebe lisazinikezele ukuguqula ubudlelwane kumagunya kwindawo yokusebenza linenjongo yexesha elide yokufaka isini kuluntu loMzantsi Afrika.
Ezinye iinjongo
Ezinye iinjongo zomgaqo nazi:
Ukuqhubela phambili ukuthatha inxaxheba kwabafazi ngokulinganayo namadoda njengabenzi bezigqibo ekuyileni uphuhliso oluzinzileyo phakathi koluntu;
Ukuxhasa bafazi ekuqondeni ngokupheleleyo amalungelo abo oluntu apheleleyo
Ukunciphisa ukungalingani kwisini ekufikeleleni nasekulawuleni imithombo yobutyebi neenzuzo zophuhliso.
UMBONO
Ukuqhubela phambili ukulingana kwisini ngaphakathi, oko kutsho kwiSebe lona ngenkqu nakumaqela elinendibaniselwano nawo. Amagatya omgaqo-sieko nezibophelelo zikarhulumente axhasa lo mbono.
UMSEBENZI
Ukufaka izinto eziphathelele kwisini kuyo yonke imisebenzi neenkqubo ukuze kuzuzwe ukulingana kwabafazi kwiSebe nakwabo linendibaniselwano nabo.
Ukuphuhlisa isakhelo sabantu abanomdla kwezesini abaya kuqinisekisa ukuba inkqubo yenguqu nemisebenzi yeSebe nabendibaniselwano ukuba benza ubulungisa kuwo onke amanqanaba.
IMIQATHANGO EKHOKELAYO
Imiqathango ekhokelayo yomgaqo wesini kwiSebe lezoQhakamshelwano ziphuma kuMgaqo-siseko woMzantsi Afrika, kwiMithetho yoBulungisa yeNgqesho kwakunye namanye amaxwebhu kazwelonke asemthethweni ahambelana nenguqu.
Umgaqo-siseko woMzantsi Afrika unika isiseko sokusebenza esisemthethweni solingano kwisini nasekuyileni inkcubeko entsha yamalungelo oluntu ebonisa ukubaluleka kwesini. Umgaqo-siseko uqinisela ukulingana kumxokelelwano wezinto ezixabisekileyo elizweni ngemiqathango esisiseko 'yesidima somntu, amalungelo oluntu, iinkululeko ezisisiseko ukungabiko komkhethe ngokobuhlanga nangokwesini.'
Le miqathango kuthethwe ngayo banzi kuMthetho oYilwayo waMalungelo eqinisela amagatya angokulingana, iNyathelo lokukhathalela Ababehlelelekile, inkululeko nokhuseleko lomntu, amalungelo ezoqoqosho nentlalo, ilungelo leenkonzo ezisisiseko nokuphakama kwegatya lolingano kwiimeko zempixano phakathi kwemithetho yenkolo nesiko nomgaqo-siseko.
Ukongeza kwimiqathango, izixhobo zelizwe jikelele, ezommndla nezesini zommndla zixhasa lo mgaqo.
Lo mgaqo ongolingano kwiSini umiliselwe kule miqathango elandelayo:
a. Ulingano kwisini kufuneka luthathwe njengondoqo kwimigaqo, kwiinkqubo nakumaphulo onke. Ukongeza kwinto yokuba ulingano kwisini ngomnye woondoqo kuRhulumente, ulingano kwisini yinjongo ebalulekileyo. Ukujongana nolingano kwisini njengenjongo ebalulekileyo kufuna izimvo zabafazi, izinto ezinomdla nezidingo ibe zizo ezilungisa uluhlu lwemicimbi yenguqu kwaneyamadoda kwaye uluhlu lwemicimbi yenguqu luxhasa inkqubela ebhekisa kubudlelwane obulinganayo phakathi kwabafazi namadoda.
b. Ukuzuza ulingano kwisini kufuna kwaziwe ukuba wonke umgaqo, inkqubo nephulo ziyabachaphazela abafazi namadoda ngokwahlukeneyo. Abafazi namadoda baneembono ezahlukeneyo; udidi, uhlanga, abantu bodidi, ubuhlanga okanye ubudala kusenokunyanzelisa izidingo, izinto ezinomdla, iindima nemithombo yobutyebi - nezo zinto zingumahluko. Imigaqo, iinkqubo namaphulo kufuneka ijongane nezinto ezingumahluko kumava nakwiimeko phakathi kwabafazi namadoda.
c. Ukuzuza ulingano kwisini akuthethi ukuba abafazi baza kufana namadoda. Ukulingana kuthetha ukuba amalungelo okanye amathuba omntu akaxhomekeki ekubeni uyindoda okanye ungumfazi.
d. Ukuxhotyiswa kwabafazi kungundoqo ekuzuzweni kolingano kwisini. Ngenxa yokuxhotyiswa, abafazi bathi baqonde ukungalingani kwamagunya, bakwazi ukubulawula ubomi babo kwaye bafumane nelizwi elivakalayo lokoyisa ukungalingani ekhaya, emsebenzini nakwibutho lasekuhlaleni. Ukuxhotyiswa kubhekisa ebantwini - abafazi namadoda- abalawula ubomi babo: abamisa uluhlu lwemicimbi yabo, abafumana ubuchule bokwenza, ukwakhiwa kokuzithemba, ukusombulula iingxaki nophuhliso lokuzithemba. Ayiyonkqubo nje yentlalo neyepolitiki, kodwa ikwayeyomntu - kwaye ayiyonkqubo nje kuphela ikwasisiphumo. Abantu bangaphandle abanakubaxhobisa abafazi: abafazi bangazixhobisa bona ngokuba bakwazi ukuzikhethela kwaye bavakalise nezabo izimvo. Phofu ke, amaziko angazixhasa iinkqubo ezandisa ukuzithemba kwabafazi, eziphuhlisa ukuzithemba kwaye ezibanceda ukumisa uluhlu lwemicimbi yabo.
e. Ukukhuthaza ukuthatha inxaxheba ngokulinganayo kwabafazi njengamagosa enguqu kwinkqubo yezoqoqosho, eyentlalo nepolitiki, kubalulekile ukuze kuzuzwe ulingano kwisini. Ukuthatha inxaxheba ngokulinganayo kungaphezu kwento yonke. Kuquka ilungelo elilinganayo labafazi lokuvakalisa izidingo zabo kwanezinto ezingumdla kubo, neembono zabo ngoluntu nokulungelelanisa- izigqibo ezichaphazela ubomi babo nokuba bahlala kwinkcubeko enjani. Lo mqathango ukwabhekisa kwisakhono sabafazi sokufikelela nokulawula imithombo yoqoqosho kwaye benze nezigqibo zokuphucula izinga lobomi babo. Indibaniselwano neqela likaZwelonke lesini ngokuvunywa yiKhabhinethi, imibutho yabafazi namanye amaqela asebenzela ulingano kwisini, iyafuneka ukuze incedise kule nkqubo.
f. Ulingano kwisini lungazuzwa kuphela ngendibaniselwano phakathi kwabafazi namadoda. Xa ukuzikhethela kwabafazi namadoda kwandisiwe, lonke uluntu luyazuza. Ulingano kwisini ngumbandela ochaphazela abafazi namadoda kwaye ukuluzuza kuya kubandakanya ukusebenza namadoda ukuze kubekho inguqu kwimo, kwindlela yokuziphatha, kwiindima nakuxanduva ekhaya, emsebenzini nakwibutho lasekuhlaleni.
g. Ukuzuza ulingano kwisini kuya kufuna amanyathelo awodwa enzelwe ukushenxisa ukungalingani kwisini. Ngokunikwa nje ukungalingani okwendeleyo, ukuphathwa ngokungalinganiyo kwabafazi namadoda kwanele njengendlela yobuchule yolingano kwisini. Kufuneka kuphuhliswe amanyathelo awodwa okujongana nemigaqo, imithetho, iinkqubo, izithethe, iinkolelo nezinto ezenziwayo ezigcine ukungalingani kwisini. La manyathelo obulungisa kwisini, aphuhliswe kunye nabo bachaphazelekayo, kufuneka axhase isakhono sabafazi ukuba bazikhethele ngobomi babo.
h. Imigaqo, iinkqubo namaphulo kufuneka ibe zizinto ezinegalelo kulingano lwesini. Iziphumo zolingano kwisini kufuneka zifakwe kumanyathelo okuqala.
UMHLABA WOKUSEBENZA
Imiqathango, izindululo namagatya kolu xwebhu lweZikhokelo zoLingano kwiSini iya kusebenza ngokukodwa nangokungqalileyo kumaziko ombuso kummandla woSasazo, wezoQhakamshelwano ngefowuni nakwicandelo lePosi.
Kuyacingwa ukuba imiqathango enjalo iya kufaneleka kwimibutho yamashishini nakuluntu olusebenza kwicandelo lezoQhakamshelwano ngefowuni, kuSasazo nakwiinkonzo zePosi.
UNDOQO
Ezi zikhokelo zijolise ekuzuzeni ukulingana kwamathuba, ngokubhekiselele ekufikeleleni nasekwabelaneni ngamathuba engqesho, ukulingana nobulungisa ngokwemigqaliselo yobumnini, iinkonzo nemithombo yobutyebi kwanokulingana kwempatho ngabaqeshi nabaniki beenkonzo.Ukulingana kwendlela yokuphathwa akuthethi into yokuba onke amadoda nabafazi mabaphathwe ngokufana ncam (oko kutsho esi sini sisetyenziswe ngokumfamekileyo). Oko kuya kubangela ukuqhubela phambili le misantsa ikhoyo. Ukulingana kwindlela yokuphathwa kubandakanya ukuhlangabezana nezidingo ezizodwa nezicacileyo zezintlu ezahlukeneyo zabafazi namadoda. Oku kungabandakanya iinkqubo ezizodwa nokuzinikezela kwemithombo yobutyebi eyongeziweyo, umzekelo kwimeko yabafazi namadoda alimeleyo.
Kuya kugqalwa isikakhulu kwimibandela enxulumene nabafazi nokuxhotyiswa kwabo. Ukuxhotyiswa kwabafazi yindlela yokuzuza ulingano kwisini ayisosiphelo.
Ezi zikhokelo zolingano kwisini zisekwe kuluvo lokuba ulingano kwisini alunakufunyanwa ngaphandle kokuthatha inxaxheba kwabafazi kuwo onke amanqanaba obomi kwakunye nokuxhotyiswa ingakumbi abo bafazi bahlelelekileyo.
Izikhokelo ziyasazi isidingo sokuba umbuso umele ukusebenzisa amagunya aso acwangcisiweyo ukulenza libe semthethweni ixabiso lolingano kwisini kwanokuqinisekisa ukuba abaqeshwa balibambile igatya lolingano nomqathango wokungabinasini.
Kwakhona, olu xwebhu luyasiqonda isidingo samaziko onke kweli candelo ukuba aphuhlise iindlela eziya kuqinisekisa ukuba imixokelelwano yolwazi yolawulo imisiwe kwaye nabasebenzi baqeqeshiwe ukwenzela ukuba inkqubo yokuphumeza umsebenzi ilawulwe ngempumelelo.
Olu xwebhu lugxininisa kwindima yokuhlola nokuphonononga. Kude kube lapha, uluvo olwamkelwayo lolokuba naluphi na uhlobo lwenguqu maluhlolwe ukuze kuthathwe umlinganiselo ukuze kulungiswe, kutshintshwe kwaye kuyilwe ngokutsha imisebenzi ekhoyo.
IMINGENI, IINGXAKI NAMANYATHELO
Abafazi mabaxhotyiswe ngokuba kuphuculwe ubuchule babo bokwenza, ulwazi nokufikelela kulwazi lobuchwepheshe. Oku kuya kuqinisa ukuba nakho kwabafazi ukulwa ukuzotywa kwabo ngendlela engeyiyo kwaye kuhlatywe ikhwelo nangamathuba okusetyenziswa kakubi kwamagunya eshishini elibalulekileyo. Iindlela ezizilawulayo zoshishino kufuneka ziyilwe kwaye ziqiniswe kwaye kuphuhliswe neenkqubo zokushenxisa iinkqubo ezinomkhethe ngakwisini. (Umthombo wolwazi: Isibhengezo saseBeijing, Septemba 1995)
Injongo yeli candelo kukunika uluvo lwelizwe lonke liphela lwemibandela ebalulekileyo echaphazela inkqubo yecandelo ebhekise kulingano kwisini. Omakuqwalaselwe kukuphawula imingeni enxulumene nesini neengxaki ekufuneka zoyisiwe ukuba ukuzinikela kukarhulumente kuxhotyiso lwabafazi nolingano kwisini kufuneka kwenziwe ngempumelelo.
Kwiminyaka elishumi edlulileyo, inkqubela-phambili kulwazi lobuchwepheshe yenze lula umnatha wokusebenza woqhakamshelwano welizwe jikelele owodlula imida kazwelonke kwaye inemiphumela kumgaqo kawonke-wonke, kwimo nendlela yokuziphatha yabucala ingakumbi eyabantwana nabantu abadala abasebatsha. Kuyo yonke indawo amandla akhona okokuba ezendaba zibe negalelo elikhulu kwinkqubela-phambili yabafazi.
Oku kuvezwa kwemifanekiso ethoba isidima kwezoqhakamshelwano ngeendaba - eze-elektroni, ezishicilelweyo, kwezibonwayo nakweziphulaphulwayo kufuneka kutshintshwe. Iindaba ezishicilelweyo neze-elektroni aziniki umfanekiso olungeleleneyo ngobomi obungafaniyo babafazi negalelo labo eluntwini kwilizwe eliguqukayo. Kwakhona imveliso yezendaba equlethe izinto zobundlobongela, izinto ezithoba isidima nezinto zoburheletya zibachaphazela kakubi abafazi nakwinxaxheba abayithabathayo eluntwini. Iinkqubo ezinyanzelisa iindima zemveli zabafazi nazo zingaphazamisa. Indlela yelizwe liphela yokuthengisa izinto ezisetyenziswayo idale imo apho izibhengezo nemiyalezo yorhwebo ibazoba abafazi ngendlela engeyiyo njengabasebenzisi bezinto neentombi ezingamaxhoba nabafazi bonke.
Indlela yokujongana nezi ngxaki nale mingeni kwiindaba, kufuneka kuthathwe amanyathelo kwezi ndawo zilandelayo:
Iwonga labafazi kumaziko eendaba.. Oku kubhekisa kwizikhundla abakuzo abafazi kula maziko nefuthe labo kwanokubandakanyeka kwabo kwimveliso yolwazi / nakwezolonwabo. Unomathotholo webutho lasekuhlaleni naye licandelo emaliqukwe apha.
Uphando ngeenkqubo ezahlulwe njeengenkqubo zabafazi- ingaba ezi nkqubo zisafanelekile na njengeenkqubo zokujongana nemibandela yabafazi?
Ezengingqi - ukubandakanyeka kwabafazi kwizinto ezenziwa kwingingqi nokumelwa kwabafazi kwezengingqi;
Uphando kuqeqesho olukhoyo ukuze kujongwe izikroba ezikhoyo, ngalo ndlela kude kufikwe kulingano kwisini;
Ikamva liyakhazimla; lelo linika amathuba okudala umxokelelwano omtsha wezoqhakamshelwano odiliza ezo ngcinga zisetyenziswa qho zenkcubeko esiye sizamkele. Kufuneka siqalise ukuseka intlangano entsha ngesini - indawo yengxoxo yasekuhleni engokungafani.
Umbutho kumaziko amaninzi kwicandelo lezoqhakamshelwano ngefowuni ubonisa ezi ngcinga zisetyenziswa qho ngesini, apho amadoda amaninzi akwiindawo zobuchwepheshe nakubalawuli abaphezulu ngeli xa bona abafazi benza imisebenzi engenabuchwepheshe, imisebenzi ephantsi ehlawula kancinci. Amadoda abambe icala likawonke-wonke ukuze bona abafazi babambe icala langasese. Umzamo wokuqala ukutshintsha le meko kufuneka usekwe phezu kohlalutyo olucokisisiweyo lwesini lomkhosi wokusebenza kumaziko onke akwezoqhakamshelwano ngefowuni. Lolu fundo oluya kutyhila amacala onke okwahlulwa ngokwesini kumaziko ezoqhakamshelwano ngefowuni.
Umntu ke apha ngumsebenzisi weenkonzo zoqhakamshelwano ngefowuni. Abasebenzisi ngamadoda nabafazi, benza imisebenzi kwaye badlala neendima ezahlukileyo ekhaya, emsebenzini nakwibutho lasekuhlaleni, ngoko ke banezidingo , iimfuno, namalungelo aphambili ohlukeneyo. Lo mahluko obangwa sisini umele uqwalaselwe xa kucwangciswa iinkonzo zoqhakamshelwano ngefowuni. Oku kungenziwa ngokuba kuqukwe uhlalutyo lwesini nocwangciso lwesini njengezixhobo kwinkqubo yokucwangcisa.
Kukho isidingo esikhulu sokuba kuqhutywe izifundo ezingokwahlulwa ngenxa yesini, izifundo zezidingo neendlela zenkqubo yoqhakamshelwano ukuze kunikwe ulwazi ngezidingo zoqhakamshelwano ezingekajongwa ziinkampani zoqhakamshelwano ngefowuni. Kwakhona, kumaphulo ophuhliso amaninzi kuya kufunwa ulwazi ngeenkcubeko, njengoko ziya kubanjalo iincutshe kwezesini. Iindlela zokuthatha inxaxheba kwiphulo kufuneka zisetyenziswe ekuphumezeni oku, kubandakanywa abasebenzisi abangamabhinqa namadoda.
Ngokubhekiselele kumanyathelo okuqala angobulungisa kwicandelo lezoqhakamshelwano kwifowuni, kufuneka kubanjwe iingxoxo zabasebenzi bonke kuqukwa namadoda nabasebenzi abaphetheyo phambi kokuba kuthatyathwe amanyathelo okuqala. Isizathu soku kukuba ithuba lempumelelo liya kuba likhulu ukuba abasebenzi bayawaxhasa amanyathelo okuqala kumanqanaba onke. Kwakhona, izifundo zamacala onke zokungalungelelani kwezesini kufuneka ziqhutywe ukuze kusekwe umgca osisiseko wokuthathela umlinganiselo wenkqubela.
Ukudibanisa imibandela yesini nezoqhakamshelwano ngefowuni yinkqubo eza kufuna kusetyenzwe. Iinjongo zenkqubo nganye yokulamla oku kufuneka ziphawulwe ngokucacileyo. Iindlela ezisetyenziswayo ukuzuza ezi njongo, neenjongo zona ngokwazo kufuneka ziphononongwe zilungiswe ukulungiselela inkqubela neenguqu. Ngokunikwa imithombo yobutyebi efunekayo kwaye ngaphezu koko ukuvuma ukuba kubekho inguqu, kuyakwazeka ukudibanisa imibandela yesini nezoqhakamshelwano ngefowuni ukuze oko kube yinzuzo kubasebenzisi nakwiinkampani zoqhakamshelwano ngefowuni kwangokunjalo. Oku ke ngoko kufuna inkqubo yomgaqo nokuqulethwe ngumgaqo kwaye kube nobulungisa ngezesini.
Enye injongo ephambili yeSebe lezoQhakamshelwano kukudibanisa umbono ongesini kuyo yonke imigaqo neenkqubo zalo. Le ndlela yokwenza iya kudala amathuba amadoda nabafazi ukuba bathathe inxaxheba ngokulinganayo kuqoqosho. Njengokuba sibuxelelwe ubunzima abajongene nabo abafazi, isini nophuhliso zizinto ezithathwa njengezibalulekileyo.
Iinjongo eziphambili zalo mgaqo kukuba:
Kukhuthazwe, kuphendulwe, kuxhaswe amanyathelo okuqala phakathi kwabo banendibaniselwano becandelo loLwazi loBuchwepheshe kwezoQhakamshelwano ukuze:
Kuphuculwe amanqanaba engeniso yabafazi neemeko zoqoqosho
Kukhuthazwe abafazi njengabanikazi kwiinkampani zoLwazi loBuchwepheshe kwezoQhakamshelwano
Kuphuculwe amanqanaba abafazi emfundo nawobuchule bokwenza kwaye
Kukhuselwe kwaye kukhuthazwe amalungelo oluntu abafazi.
Kukhuthazwe ukushenxiswa kwemiqobo yomkhethe ejolise abafazini. Kuqhutyelwe phambili ukuthatha inxaxheba kwabafazi ngokulinganayo namadoda njengabathathi bezigqibo ekubumbeni uphuhliso oluzinzileyo.
Kukhuthazwe kwaye kuxhaswe imigaqo nemisebenzi phakathi kwabo bendibaniselwano boLwazi loBuchwepheshe kwezoQhakamshelwano ebenza bakwazi ukudibanisa ngempumelelo nomsebenzi wophuhliso iingcamango ngezesini ,
Kuphuhliswe izakhono zamaziko oLwazi loBuchwepheshe kwezoQhakamshelwano ukuze imiba yesini idityaniswe ngokupheleleyo nemigaqo, iinkqubo, amaphulo nemisebenzi,
Kuxhaswe abendibaniselwano kwibutho loLwazi loBuchwepheshe kwezoQhakamshelwano ukuvakalisa izikhalazo zabo ngemibandela yesini kuphuhliso lomgaqo kwaye kwenziwe ukuba iqondwe le mibandela.
Amanyathelo awodwa amakaqwalaselwe:
Makuchazwe kwaye kuxelwe iinjongo zecandelo lezoqhakamshelwano ngefowuni nokusetyenziswa kwezoqhakamshelwano ngefowuni
Makusekwe iqumrhu leziko elifanelekileyo lokuphuhlisa nelokuqhuba umbono wezoqhakamshelwano ngefowuni nophuhliso kwaye kuzuzwe ezo njongo zandlalwe kulo mbono;
Makukhuselwe kwaye kuqiniswe ubuncutshe kwezobuchwepheshe kwimimandla enxulumeneyo nezoqhakamshelwano ngefowuni.
Makuphuphuhliswe iindlela zokucebisana ukuqinisekisa ukuba bonke abaphambili bayabandakanyeka kwinkqubo yokwenza, yokuphumeza neyokuphonononga umgaqo;
Makuphuhliswe iindlela eziphuculweyo zokuphonononga iinjongo zomgaqo, zokuhlola ziphicothe iinkqubo kwaye zijongwe neenguqu kwimeko yezobuchwepheshe neyentlalo noqoqosho.
Naxa ukuzimela koshishino kubalulekile, kuyafuneka ukuba ushishino lucelwe rhoqo luvelise iinkcukacha ezingokwahulwa kwisini. Owona mqathango ubalulekileyo kule meko iya kuba kukuqinisekisa ukuba umbandela wobulungisa nolingano ngokwemigqaliselo yokumelwa kwisini uyajongwa. Oku kuthetha ukuba amaziko kufuneka abeke ezawo izinto ajolise kuzo nokwemigqaliselo yokwabiwa kobulungisa kwaye aphuhlise iindlela zokuba ziya kuzuzwa njani na ezo zinto kujoliswe kuzo.
ISISEKO SOKUSEBENZA SEZIKO
Kufuneka kusekwe umxokelelwano karhulumente apho ungekhoyo, owokuhlola nokuphucula izinga labafazi. Ukuze usebenze, kufuneka lo mxokelelwano usekwe kwinqanaba eliphezulu kwaye ube nemithombo yobutyebi eyaneleyo, ukuzinikela kwanegunya lokucebisa ngemiphumela yemigaqo yonke kubafazi. Umxokelelwano onjalo ungadlala indima ebalulekileyo ekuphuculeni izinga labafazi ngokubambisana namanye amasebe namaziko karhulumente kwanemibutho engeyokarhulumente namaqela abafazi emveli." (Umthombo walwazi: Nairobi Forward Looking Strategies, 1985, umhlathi 57).
Injongo yesi sahluko kukunika isiseko sokusebenza sokusekwa komxokelelwano ochanekileyo, onempumelelo nononxibelelwano kwicandelo loLwazi loBuchwepheshe lezoQhakamshelwano ukwenza, ukuphumeza ukuhlola nokuphicotha umgaqo karhulumente ongokuxhotyiswa kwabafazi nolingano kwisini.
Njengoko kwandlaliwe kwiSiseko sokusebenza soMgaqo wesini kaZwelonke, umxokelelwano wesini wokuxhotyiswa kwabafazi ujonge ukuzuza ulingano kubafazi kuwo onke amanqanaba obomi: kwipolitiki, kuluntu, kwintlalo, kuqoqosho nakwinkcubeko.
Iwonga nokuMiswa koMxokelelwano weSini
IBPA eye yamkelwa yavunywa nguRhulumente woMzantsi Afrika, imemeza bonke oorhulumente ukuba:
Badale umxokelelwano kazwelonke "kumanqanaba aphezulu karhulumente" ukuze kuphuculwe abafazi;
Banike lo mxokelelwano igunya elicaciswe kakuhle;
Baqinisekise ukuba lo mxokelelwano unamandla okufuthela umgaqo, kwaye bawenze uphonononge uwisomthetho.
Iinjongo zoMxokelelwano weSini
Isiseko sokusebenza soMgaqo weSini kaZwelonke woMzantsi Afrika ubalula oku kulandelayo njengeenjongo eziphambili zomxokelelwano wesini:
Ukuzuza ulingano lwabafazi njengabathathi-nxaxheba, abenzi-zigqibo iindlalifa kumanqanaba obomi angala - kwipolitiki , kuluntu, kwintlalo, kuqoqosho nakwinkcubeko;
Kubekwe phambili izidingo zabo bafazi abazuza kancinci kwinkqubo yocalucalulo;
Kuguqulwe onke amaziko kazwelonke, awephondo nawengingqi ngokuba kudityaniswe emsebenzini wabo imibandela yokuxhotyiswa kwabafazi nolingano kwisini.
Ukusebenza komxokelelwano wesini kwezoqhakamshelwano ngefowuni, kusasazo nakwicandelo leenkonzo zeposi kuya kubambelela kwiinjongo zomxokelelwano wesini njengoko zandlaliwe kwisiseko sokusebenza somgaqo wesini kazwelonke.
Iinjongo zomxokelelwano wesini
Ekulandeleni ezi njongo zinkulu, umxokelelwano wesini uya kuba nezi njongo zizodwa zilandelayo:
Ukukhuthaza ukuzinikezela koMzantsi Afrika ngokomgaqo-siseko nangokwelizwe lonke ekuxhotyisweni kwabafazi, kulingano lwesini, kumalungelo oluntu abafazi nakubulungisa ngokwentlalo njengoko kunxulumene necandelo loLwazi loBuchwepheshe kwezoQhakamshelwano;
Ukuguqula amaziko, imithetho, imigaqo, iinkqubo, iinkqubo zokucebisana, ulwabiwo-mali nezinto eziphambili zamaziko kwicandelo loLwazi loBuchwepheshe kwezoQhakamshelwano okanye amaziko anxibeleleneyo ukuba ajonge izidingo neminqweno yabafazi bonke, ingakumbi abo babecinezeleke kakhulu kulawulo lwangaphambili;
Ukuqinisekisa ukuba onke amaziko angummiselo, akarhulumente, akawonke-wonke nawangasese, aphuhlisa imigaqo,amaqumrhu nezinto ezenziwayo ukujongana nokuxhotyiswa kwabafazi kwaye alwe ukungalingani kwisini kwiinjongo zawo zenguqu;
Ukuphuhlisa umgaqo wecandelo wolingano lwesini nokuqinisekisa ukuba onke amanqanaba namaqumrhu kwezoQhakamshelwano ngefowuni, kumacandelo osasazo nePosi ayawuphumeza lo mgaqo;
Ukunxibelelanisa ukuphunyezwa kwemigaqo yolingano yesini, ukuhlola nokuphicotha imiphumela namandla ayo;
Ukubeka oondoqo abangabo, izinto ekujoliswe kuzo, amaxesha nezikhomba-ndlela zenkqubela;
Ukuqhuba uhlalutyo lwesini lwale migaqo ikhoyo;
Ukwenza ukuba iqatshelwe imibandela yesini kwaye kuvakaliswe uvakalelo ngesini nolingano kwisini.
Amaqumrhu neMisebenzi yoMxokelelwano weSini
Ukongeza kumaqumrhu asekwe kwinqanaba likaZwelonke, oko kutsho kwinqanaba leKhabhinethi, iOfisi engeZinga labafazi- i-ofisi kaMongameli, iKhomishoni yoLingano kwiSini,iindawo ezingeSini kuMasebe kaRhulumente, iiKomiti zePalamente zeziKhundla neGqugula labafazi lasePalamente, kufuneka kusekwe amaqumrhu kwinqanaba lecandelo ukuqinisekisa ukuba ukuzinikela kubulungisa kwisini nobulungisa entlalweni kuya phunyezwa nakwinqanaba leziko.
Ukuhambiselana nemiyalelo yeKhabhinethi, ukuqinisekisa ukuba ulingano kwisini luqhutyelwa phambili kuwo onke amanqanaba akwiSebe namaqela endibaniselwano asebenzayo, iQumrhu eliqinileyo loLawulo lweSini elihamba ngendlela yobuchule kwizigqeba ezikwiSebe okanye kwimibutho ekwezoqhakamshelwano ngefowuni, kusasazo neenkonzo zePosi liyacingwa. Isigqeba sezesini sisebenza njengeencutshe kwezesini ezilawula igunya lesini ezikwanika ubungcaphephe kuhlalutyo lwesini kwezinye izigqeba zoshishino nemibutho yendibaniselwano ngohlobo lobunobhala omkhulu wezesini. Eli qumrhu lisebenza ngokubambisana namanye amaqumrhu akhoyo ombutho ukukhuthaza ulingano kwisini.
Kwinqanaba lokusebenza, olona xanduva luphambili lokuqinisekisa ukuphunyezwa ngempumelelo komgaqo wesini kazwelonke njengoko uqulathwe kolu xwebhu lomgaqo nesiseko sokusebenza somgaqo wesini sikaZwelonke luya kuxhomekeka kwiziko ngalinye kumanqanaba ngamanqanaba. Onke amaziko kuya kufuneka aseke izigqeba zeSini ezizinikeleyo okanye iindawo ezingoondoqo ukuncedisa ekwenziweni nasekuphunyezweni kwezicwangciso ezikhuthaza ukuxhotyiswa kwabafazi noligano kwisini kwimisebenzi nakwiinkqubo zabo. Oku kuya kwenziwa ngokuhambiselana nesiseko sokusebenza somgaqo wesini sikaZwelonke neBPA eye yamkelwa yavunywa nguRhulumente woMzantsi Afrika Imisebenzi yeendawo ezinguNdoqo kwezesini iquka oku kulandelayo:
Ukuqinisekisa ukuba imibandela yesini iqwalaselwa ngendlela kwimisetyenzana yombutho yokucwangcisa;
Ukuqinisekisa ukuba umbutho ngamnye uyawuphumeza umgaqo wesini wecandelo;
Ukuqinisekisa ukuba imibutho ibonisa ukusiqwalasela isini kwizicwangciso zayo zeshishini kwaye inike ingxelo ngazo;
Ukuphonononga umgaqo nesicwangciso sombutho ngokuhambiselana nomgaqo wesini kazwelonke nomgaqo wecandelo wolingano kwisini;
Ukubeka phambili ezona zinto zidla umzi kwaye kuqaliswe nophando olubhekiselele kumgaqo nakwinyathelo elihambelana nezesini;
Ukuphonononga yonke imigaqo, amaphulo neenkqubo ngokwesini;
Ukuqinisekisa ukuba imibutho inika kwaye isebenzisa iinkcukacha ezingokwahlula ngesini emsebenzini wazo;
Ukulungiselela imfundo noqeqesho ngezesini lwabasebenzi bonke kumbutho nokuqinisekisa ukuba isini siyadityaniswa nayo yonke imiba yomsebenzi;
Ukusebenza njengommeli wenguqu kwiNyathelo lokubonelela ababehlelelekile ngokubhekiselele kwisini;
Ukwenza lula umqaphela nokudala ukuzithemba phakathi kwabafazi kumanqanaba onke;
Ukuhlola nokuphicotha amaphulo neenkqubo zombutho ukuvavanya ukuba ziyahambelana na nomgaqo wesini.
Indawo engundoqo kwisini kwinqanaba leSebe inendima ebalulekileyo eyidlalayo njengequmrhu elimanyayo lomxokelelwano wesini wecandelo ongolingano kwisini.
Amqumrhu omxokelelwano wesini akufunekanga asebenze "njengendawo yokulahla" imibandela yesini emelwe ngokwasemthethweni iqwalaselwe ngamanye amaqumrhu.
Ubuchule bokwenza Obufunekayo Ukuqhubela phambili Ulingano Kwisini
Lo mboniso ungezantsi ushwankathela ubuchule bokwenza obuphambili obufunwa yinkqubo kazwelonke yokuqhubela phambili ilizwe ukuba lijolise kwinjongo kazwelonke yoluntu olungenasini. Ubuchule bokwenza obuphawulweyo bunxulumene neendawo eziphambili zomgaqo, omakuqhubeke kwezesini, ukuthethelela, ukudibanisa nokucwangcisa, ukunxibelelana nomnatha wokusebenza nophuhliso lwezakhono.
IINKQUBO
UBUCHULE OBUFUNWAYO
IZIPHUMO
Umgaqo
Uhlalutyo olusekwe kwisini
Ukwenziwa komgaqo
Ukuyilwa kwenkqubo
Ukucwangciswa kwenkqubo
Inkqubo yovakalelo ngesini
Imigaqo ecacileyo yecandelo
Inyathelo lezicwangciso
Uhlalutyo olusekwe kwisini
Ubuchule boqeqesho
Ubuchule bophando
Ukucwangcisa
Iinkcukacha ezingokwahlula
Ukudityaniswa kwesini nemisebenzi yemihla ngemihla yombutho
Iinkqubo zokucwangcisa ezicacileyo zesini
Ukudibanisa nokucwangcisa
Ukucwangcisa ngendlela yobuchule
Ubuchule bonxibelelwano
Ubuchule bophononongo bobunjani nobungakanani
Ukudibanisa.
Umxokelelwano wolwazi wolawulo
Ukuvumelana ngendima yenkqubo yesini
Ukuthethelela
Uqeqesho
Urhwebo
Ukuqonda ngokufanayo isini nendima yaso kwinguqu
Ukunxibelelana nomnatha wokusebenza
Unxibelelwano
Ukubhala ingxelo
Unxibelelwano namanye amaziko
Uphuhliso lwezakhono
Uqeqesho
Iimodyuli zoqeqesho
Ukwenza okugqwesileyo
Uqeqesho lungundoqo ekuphumezeni inkqubo yesini kazwelonke. Zimbini izinto ezibalulekileyo kuqeqesho. Enye kufuneka ijolise ekuphuhliseni ubuchule kwezesini njengohlalutyo olusekwe kwisini. Obu buchule bujolise ekuqinisekiseni ukuba abantu ababandanyekayo ekuphumezeni le nkqubo banobuchule bokuyiqhubela phambili inkqubo. Uqeqesho lwesibini olubalulekileyo kukwenza abaphezulu kulawulo babenokuvakalelwa ukuqinisekisa ukuba badibanisa iingcamango kuyo yonke into abayenzayo kwaye badibanise isini neengxelo zabo.
IINDLELA ZOBUCHULE NEMISEBENZI EXHASA ULINGANO KWISINI
Oku kulandelayo kuchaza iindlela zobuchule nemisebenzi exhasa ukuzuzwa kolingano kwisini.
Ingxoxo ngomgaqo
Imisebenzi ayiphelelanga kwiinkqubo namaphulo. Ngokuxoxa ngomgaqo, iSebe likunye nabo lidibaniselene nabo labelana ngezimvo nolwazi kwaye likwavakalisa nemibandela enxulumene nemeko-bume yomgaqo kwindawo abasebenza kuyo. Ingxoxo ngomgaqo yindlela ebalulekileyo apho iSebe lisebenza nabo bendibaniselwano ukuba lizuze iziphumo zolingano. Le ngxoxo ingaqhutywa kwiingxoxo ezicwangcisiweyo njengakumaqela okucebisa, kwiindibano zokufundisana, kwiinkomfa, kwiingxoxo njalo njalo.
Ukukhuthaza ulingano kwisini kwingxoxo yomgaqo kuthetha:
Ukuphuhlisa nokugcina kusaziwa ubume bokungalingani ngokwesini kwicandelo neendlela zobuchule zokulwa oku;
Ukujongana nolingano kwisini kuyo yonke ingxoxo ngomgaqo norhulumente, amaziko nabendibaniselwano kwezoluntu ingakumbi ngokusebenzisa iBPA neNgqungquthela Yokushenxisa Zonke Iintlobo Zocalulo Ezibhekisa Ebafazini noMgaqo-siseko woMzantsi Afrika njengesiseko sengxoxo;
Ukusebenzisa imisetyenzana yengxoxo ngomgaqo ukuphawula ubunzima, amathuba neendawo zokungena zokukhuthaza ulingano kwisini;
Ukukhuthaza iinkqubo zokusebenzisana ngokubandakanya imibutho yabafazi nabathetheleli bolingano kwisini kwinkqubo yengxoxo ngomgaqo.
Iziseko zokusebenza zokuqulunqa
Iziseko zokusebenza ziya kusetyenziswa ukudibanisa amaziko nezinto eziphambili kwinkqubo zazo ngokwemigqaliselo yamaphulo okanye yeenkqubo. Isiseko sokusebenza sokuqulunqa yinto ephambili yokuqinisekisa ukuba xa kuqulunqwa nesigqeba soshishino okanye umbutho osesikhundleni kuya kuxhaswa ulingano kwisini. Inkqubo yesiseko sokusebenza sokuqulunqa iqala ngokuphawula izidingo zophuhliso namathuba kwiziko (kunokuquka eyona nto ibalulekileyo edla umzi exelwe phaya kwiBPA).
Iziseko zokusebenza zokuqulunqa kufuneka:
Zilubone ulingano kwisini njengombandela obalulekileyo kwaye zidibanise iziphumo zohlalutyo lwesini neenkqubo, iziphumo ezilindelekileyo nezikhomba-ndlela;
Ziquke ulwazi olwahlulwe ngokwesini kwiziko kwakunye neziphumo eziphambili nesifundo esifundiweyo kuqulunqo lwangaphambili ekuxhaseni ulingano kwisini.
Ziqwalasele isakhono sesigqeba sesini ekuhlalutyeni amandla nomdla weSebe;
Ziphuhliswe ngohlobo lokuthatha inxaxheba, kuqukwa abachaphazelekayo abaninzi kumanqanaba amaninzi (isigqeba okanye umbutho wezikhundla);
Zisebenzise iziphumo zohlalutyo lwesini lokuqala ukuseka isiseko ekunokuhlalutywa kwaye kwenziwe umlinganiselo ngaso weziphumo zohlalutyo lwesini ezizuzwe ngokuhamba kwexesha
Ziquke ukuvavanywa kwenkqubela-phambili ekuzuzeni iziphumo zolingano kwisini kwisiseko sokusebenza somlinganiselo wendlela ekusetyenzwe ngayo;
Ukuqiniswa kweziko noPhuhliso Lwezakhono
Amanyathelo okuqala okuqiniswa kweziko nophuhliso lwezakhono angaqhubela phambili ulingano kwisini ngolu hlobo:
Ngokukhuthaza nokuxhasa inguqu kumbutho enegalelo kulingano kwisini;
Ngokukhuthaza ngenkuthalo imifanekiso-ngqondweni emihle ngabafazi, kwanezidingo zabo, izinto ezinomdla kubo kwanezimvo;
Ngokukhuthaza ukuthatha inxaxheba kwabafazi kumbutho wonke nokuphuhlisa iindlela zobuchule ukwandisa ukumelwa kwabo kumanqanaba okwenza izigqibo;
Ngokuxhasa abendibaniselwano ekuphuhliseni amandla abo okuqhuba uhlalutyo lwesini kumanqanaba omgaqo, enkqubo naweziko kwaye bayile baqhube uqulunqo oluxhasa ulingano kwisini;
Ngokunika uncedo lokuphuhlisa amandla kwinqanaba likazwelonke nelecandelo ukuqokelela nokwenza zifumaneke iinkcukacha ezahlula abantu ngokwesini
Amaphulo neenkqubo ezimacala mabini
Amaphulo neenkqubo ezimacala mabini zinika amathuba okuxhasa ulingano kwisini. Oku kuquka:
Ukuqhutywa kohlalutyo lwesini kwaye kudityaniswe iziphumo kucwangciso lwephulo nolwenkqubo;
Ukufuna ukuthatha inxaxheba kwinkqubo yokuyila amaphulo ayilwa zizigqeba zoshishino okanye yimibutho yezikhundla nabantu ngabanye kunye nesigqeba sesini;
Ukuvavanya amandla emiphumela ephulo okanye enkqubo kulingano kwisini, kwanokuqinisekisa ukuba imiphumela emibi engabafazi namadoda iyaqwalaselwa;
Ukuphawula nokusebenzisa amathuba ukunciphisa ukungalingani kwisini;
Ukusebenza ukuqinisekisa ukuthatha inxaxheba ngokulinganayo kwabafazi kuyo yonke imisebenzi;
Ukudibanisa ukungalingani kwisini kwiziphumo zephulo ukususela ekuqaleni kwaye kuphuhliswe izikhomba-ndlela zenkqubela ezingovakalelo ngesini kumanqanaba eziphumo nemiphumela;
Ukubalula imithombo yobutyebi neziphumo ezinxulumene nokuphuhlisa isakhono sesigqeba sesini nesigqeba soshihini sendibaniselwano ukuze kuphunyezwe uqulunqo oluxhasa ulingano kwisini;
Ukuphuhlisa njengenxalenye yephulo lesicwangciso sokuphumeza, indlela yobuchule yokudibanisa iziphumo zolingano kwisini kwaye nemali yabiwe ngokwaneleyo ukuze kuphunyezwe oku;
Ukuphuhlisa inkqubo yokhetho enika amandla okuvavanywa kwezakhono zabaphumezi, zabacebisi namagosa alawulayo ukuba ajongane nolingano kwisini kwimisebenzi eyodwa yenkqubo;
Ukuyila izivumelwano nemigqaliselo equka iindima ezicacisiweyo noxanduva, iinjongo, iziphumo ezizodwa ezinxulumene nokukhuthazwa kolingano kwisini;
Ukuchaza inkqubela ekuzuzweni kolingano kwisini ngokomlinganiselo wendlela ekusetyenzwe ngayo;
UVAVANYO LWENDLELA EKUSETYENZWE NGAYO
Iinjongo zalo Mgaqo njengoko zandlaliwe, zingabonwa njengeziphumo zenqanaba lembumba apho kunokulinganiselwa khona ukuphunyezwa komgaqo wolingano kwisini. Isigqeba seSini seSebe sisebenzisana nezigqeba zoshishino, iCandelo lezoMthombo woLuntu noMbutho wezeSini kaZwelonke, siya kuphuhlisa isiseko sokusebenza sokulinganisela indlela ekusetyenzwe ngayo kuqukwa nezikhomba-ndlela ekunokuvavanywa ngazo ukuphunyezwa komgaqo wolingano kwisini. Isiseko sokusebenza sokulinganisela indlela ekusetyenzwe ngayo siya kujonga imibandela enjengale:
Ukuqokelela nokuhlalutya iinkcukacha zokwahluka ngesini, ngobuhlanga nobudala nangokwamaqela entlalo noqoqosho;
Uhlalutyo lolwazi olungobunzima ekuzuzeni ulingano kwisini nenkqubela ekuncitshisweni kokungalingani kwisini nokukhuthazwa kolingano kwisini.
Ubungakanani nobunjani bolwazi nohlalutyo;
Imisebenzi engengomaphulo enjengengxoxo ngomgaqo nolingano kwisini;
Isakhono seSebe ne/okanye sombutho sokudlulisa iziphumo zolingano kwisini;
Ukufumaneka nokusetyenziswa kwemithombo yobutyebi, eyemali neyoluntu, kuxhaswa ulingano kwisini.
Iziphumo zeNqanaba leSigqeba soShishino
Izigqeba zoshishino ziya kuba noxanduva lokuphuhlisa iinkcazelo zeziphumo zolingano kwisini zesigqeba soshishino, kusenzelwa injongo nganye yomgaqo wolingano ngesini kwaye nokuqinisekisa ukuba iinkcazelo zeziphumo kuyo yonke imimandla ephambili ixhasa ezi njongo. Iziphumo zolingano kwisini kufuneka zivakaliswe, zilinganiselwe kwaye kunikwe ingxelo ngazo kumanyathelo okuqala onke esebe. Izigqeba zoshishino ziya kunika ingxelo ngenkqubela echasene neziphumo zolingano ngesini ngeenkqubo zovavanyo lwendlela ekusetyenzwe ngayo.
Ukuyimela into oyenzayo
Ukumela ukuphunyezwa kwalo mgaqo kuxhomekeke kwisigqeba ngasinye soshishino seSebe nemibutho yezikhundla. Kucingwa ukuba umbutho ngamnye unekomiti yokuphonononga indlela ekusetyenzwe ngayo. Uphononongo lwendlela ekusetyenzwe ngayo ekuphunyezweni kwalo mgaqo luxanduva lweKomiti yoPhononongo lweNdlela ekusetyenzwe ngayo kumbuhto ngamnye kwaye kuya kuqhutywa njengomjikelo oqhelekileyo wophononongo wendlela ekusetyenzwe ngayo.
Makuqatshelwe ukuba lo mgaqo uyaqonda ukuba akwanelanga ukushukumisa nje abasebenzi nowonke-wonke ngemibandela yesini. Kufuneka kuthathwe amanyathelo ukuqinisekisa ukuba isigqeba ngasinye kumbutho , kuqukwa neSebe sineendlela zangaphakathi zokuqinisekisa rhoqo ukuba umntu uyayimela into ayenzayo. Iindlela zobuchule ezizodwa ezinamaxesha amisiweyo zimele zidweliswe. Ezi ndlela zobuchule ziquka:
Amaqumrhu nemixokelelwano emitsha okanye ephuculiweyo
Ubudlelwane obutsha ngokwasemagunyeni neendlela zokwenza izigqibo;
Ukwandisa ukusebenza ngempumelelo kwemithombo yoluntu yonke;
IZENZO EZILUNGILEYO UKUKHUTHAZA UKULINGANA NGESINI
Ukulingana kwisini kungafikekeleleka ikakhulu xa ezi meko zilandelayo zikhona:
Kwinqanaba lembumba
Ulawulo oluphezulu luzinikezele kulingano ngesini;
Kukho (izixhobo zokusebenza) imithombo eyaneleyo kunye nabasebenzi abanolwazi, kunye nemeko yokusebenza ekuvumelayo ukukhuthazwa kokulingana ngesini;
Kukho iziseko zokusebenza ezithwele uxanduva ezithi ziqinisekise ukuba umgaqo wokulingana ngesini uyaphunyezwa;
Isigqeba sesini esinabasebenzi abaqeqeshiweyo kunye nemithombo yobutyebi eyaneleyo siyasekwa;
Ukulingana ngesini njengeyona njongo
Kwinkqubo yokucwangcisa
Ukulingana ngesini kubonwa kufanelekile kuwo nawuphi na umba weenkqubo namaphulo eziko;
Uhlalutyo lwesini lwenziwa kwizigaba zokuqala zomjikelo wephulo okanye wenkqubo kwaye okufunyenweyo kubandakanywa kwizicwangciso zephulo okanye zenkqubo;
Ubuthathaka beziko okanye ukudlelelwa ngokwezithethe okunokuthi kuvimbele ukufunyanwa kweziphumo zokulingana ngesini buyaqatshelwa kumgaqo, kwinkqubo okanye ekwenziweni kwephulo kwaye neendlela zokusebenza ziyaphuhliswa ukuze kujongwane nabo;
Ziyaphawulwa iindlela zokuqinisekisa ukuba kukho ukuthatha inxaxheba okubanzi kwabafazi kunye namadoda njengabenzi bezigqibo kwinkqubo yezicwangciso;
Iziphumo zokulingana ngesini ezicacileyo eziqikelelekayo nezizuzwayo ziyaphuhliswa kwizigaba zokuqala zenkqubo;
Izikhomba-ndlela zovakalelo ngesini, ziyaphuhliswa ngobunjani nangobungakanani (oku kufuna ukuqokelelwa kwengxelo engundoqo eyahlulahlulwe ngobuni kunye neminyaka kunye nentlalo yoqoqosho kunye namaqela obuhlanga);
Indlela yokusebenza ethile kunye nolwabiwo lwemali iyanikwa ukuxhasa ukufumaneka kweziphumo zokulingana ngesini;
Abalingane nabaphumezi bayonyulwa ngokubhekiselele ekuzinikezeleni kwabo nangesakhono sokukhuthaza ukulingana ngesini; kwaye
Isigqeba sokulingana ngesini sibandakanywa kwasekuqaleni kwenkqubo yokucwangcisa;
Ngexesha lokuphunyezwa
Isigqeba sokulingana ngesini kunye/okanye ilungu lekomiti yesini yinxalenye yamaqela omsebenzi oyilwayo;
Inkxaso yangaphandle iyafunwa kuMbutho weSini kaZwelonke, kwimibutho yabafazi, kubenzi-zigqibo abazintloko abangabafazi namadoda, iinkokeli kunye nabancedisi;
Injongo yokulingana ngesini ayilahlekanga ngenxa yokuxakeka ziinkqubo zoshishino;
Kukho ubulula nokuvuleka ekuvezeni izimvo kwindlela zokusebenza ezintsha kunye nakumathuba okuxhasa ukulingana ngesini athi aziveze ngexesha lokuphunyezwa;
Kukho ukuthatha inxaxheba okubanzi kwabafazi ekuphunyezweni komsebenzi;
Ukuthathwa komlinganiselo wendlela ekusetyenzwe ngayo
Iziphumo zokulingana ngesini ziyachazwa zilinganiselwe kwaye zixelwe kusetyenziswa izikhomba-ndlela zbunjani nezobungakanani;
Ingxelo eyohlulahlulwe ngokwesini, kwaye nangeminyaka kunye namaqela entlalo noqoqosho inikwa indawo yayo;
Isigqeba sesini kunye /okanye ilungu elonyuliweyo lekomiti yesini liyabandakanywa;
Inkcazelo yenkqubela ekunciphiseni ukungalingani ngesini iyaqokelelwa kwaye icalulwe njengoyena ndoqo wokulinganisela indlela ekusetyenzwe ngayo;
Imbono yexesha elide iyathatyathwa (oko kukuthi utshintsho kwintlalontle luyenzeka); kwaye
Iindlela zokuthatha inxaxheba ziyasetyenziswa apho abafazi namadoda babandakanyeka ekuthabatheni inxaxheba kwizicwangciso zokulinganiselwa kweziseko zokusebenza kwendlela ekuqhutywe ngayo, ekuphunyezweni kwazo kunye neengxoxo ngokufunyanisiweyo.
Izikhomba-ndlela ezithile zendlela ekuqhutywe ngayo ziyaqulunqwa ukwenzela ukufumana ukulingana ngokwesini. Ezi zikhomba-ndlela zendlela ekusetyenzwe ngayo ziya kuba zezexesha elifutshane nexesha elide.
Izikhomba-ndlela zendlela ekuqhutywe ngayo zexesha elifutshane
Izikhomba-ndlela zexesha elifutshane ziya kuvavanya inkqubela kwinguqu kwanokuphunyezwa kwemigaqo ngokukodwa iqondo lempumelelo okanye ukoyisakala ekumiseni amaqumrhu okwenza amaziko okuxhotyiswa kwabafazi kunye nokulingana ngesini.
Iziseko eziqulunqiweyo zokuphumeza iinjongo zomgaqo weSini kaZwelonke kunye neenjongo njengoko zifumaneka kule ncwadana kwakunye nebakala lezemali kunye nemithombo yoluntu enikezelwe kwezi ziseko, iya kuba zizikhomba-ndlela eziyintloko zokuzinikezela kwinguqu yesini. Ezinye zeendlela zokusebenza neenkqubo ezisisihloko ezimele ukuweyishwa zifumaneka kolu luhlu lulandelayo:
Inqaku eliqwalaselweyo
Uphuhliso lwezakhono
Inani kunye nenqanaba leenkqubo zoqeqesho lwesini ezaziswayo ekuphuhliseni isakhono senkqubo yesini sabasebenzi kunye nenani namaqela abantu abaqeqeshiweyo; kunye
Inani nenqanaba leenkqubo zangaphakathi (kubandakanywa neenkqubo zenyathelo elijongene nabahlelelekileyo) ezaziswayo ukukhuthaza ukuthatha inxaxheba kwabafazi ekwenzeni izigqibo kunye nenani labafazi abazuzayo kwiinkqubo ezilolo hlobo
Ukumenywa noqeqesho lwabasebenzi abanovakalelo ngezesini
Ubukho bezikhokelo ezifanelekileyo zeekomiti zokumema abasebenzi ezikhombisa umxube wesini ofunekayo;
Ubukho bezikhokelo ezifanelekileyo zokuqeqesha bonke abasebenzi abanoxanduva lokumema nokonyula kumqaphela wezesini, kwakunye nabasebenzi abatsha abafumanekileyo.
Inani kunye noncedo lwamaziko athe aphuhlisa kwaye asebenzisa imigaqo kunye nezikhokelo zesini ukuxela amatyala okuphathwa gadalal ngokwesini noluleko;
Inani kunye noncedo lwamaqumrhu angaphakathi asekelwe ukujongana nocalucalulo kwisini kunye nempatho-mbi ngokwesini
Imigqaliselo yovakalelo ngesini neemeko zokusebenza ezijongene nezidingo zesini
Iqondo lokusekwa kweenkqubo zovakalelo ukunyusa iindima zabasebenzi abangamadoda nabafazi njengabazali kunye nabasebenzi abaqeqeshiweyo, umzekelo amaziko okhathalelo lwasemini kwindawo yokusebenza.
Ukwanda kokufikelela kwabafazi kulawulo nobunkokeli
Inguqu kwiinkqubo
Ukunyuka kwenani labaphathi abangabafazi kwizihlalo ezikwicandelo eliphezulu (ubuncono obungama-50:50 amadoda ukuya kubafazi buyanqweneleka, kodwa okwexesha elifutshane ukunyuka ukuya kuma 30% okumiselwe ngumthetho weNyathelo elijongene nabebehlelekile kuya kuba sisikhomba-ndlela esibonisa ukuzinikezela kulingano kwisini);
Ukwanda kwenqanaba lovakalelo ngesini nohlalutyo lobuchule bokwenza phakathi kwabalawuli bonke.
Inani kunye nenqanaba leenkqubo ezikhoyo zeziko ezinxulumene nocalucalulo lwesini kunye nenani labasebenzi abaqeqeshiweyo abathe bafumana uqeqesho;
Iqondo elithi lusetyenziswe ngayo uhlalutyo lwesini kunye neenkcukacha zokwahlulwa ngesini kwiinkqubo zokuyila;
Iqondo lenkxaso kunye nezikhokelo ezinikiweyo zophononongo lwesini lweenkqubo zecandelo.
Inguqu ekunikezelweni kwemithombo yobutyebi
Iqondo lemithombo yabantu kunye neyemali elinikelwe kwiinkqubo zokuxhotyiswa kwabafazi kunye nolingano ngokwesini;
Iinkcitho ezizodwa eziqatshelweyo ezisekelwe kwisini (umzekelo iinkqubo zemfundo ezizodwa zamantombazana okanye abafazi abangaqeshwanga);
Ukulingana kwenkcitho-mali yamathuba engqesho kubasebenzi (umzekelo, ukuqeqeshwa kwabaphathi abangabafazi, neenkcazelo ngomsebenzi ezibonakalisa amathuba engqesho alinganayo);
Ulwabiwo lwemali kujongwe kwisini neenkcitho (umzekelo, iimali zokuxhasa iinkqubo zokuxhasa abafazi abasemaphandleni).
Ukuqokelelwa nokusetyenziswa kweenkcukacha
Inkqubo eluncedo yokuveliswa nokusetyenziswa kweenkcukacha zokwahlulwa ngesini noqikelelo-manani .
Ukuqokelelwa kweenkcukacha zokwahlulwa ngesini ebonaklisa imeko neengxaki zabafazi namadoda
Iinkcukacha zokwahlulwa ngesini kunye noqikelelo-manani ziyaphononongwa kwaye rhoqo ukuze zisetyenziswe ekuphuhlisweni kwenkqubo ekucwangcisweni nasekuphunyezweni;
Isakhono esifanelekileyo (sabantu kunye nesemali) sokuqokelela, sokuhlalutya kunye nesokukhupha uqikelelo-manani olumalunga nesini (ingakumbi uqikelelo-manani loMzantsi Afrika).
Izikhomba-ndlela zendlela ekusetyenzwe ngayo ngexesha elide
Izikhomba-ndlela zexesha elide ziya kulinganisela imiphumela yokuphunyezwa kwemiyalelo njengoko ifumaneka kule ncwadana ingabafazi kunye noluntu jikelele. Ngokwale nkalo,umphumela womgaqo owamkelekileyo uya kuba wenziwe; ukuba kungabonakaliswa ukuba abafazi boMzantsi Afrika bathatha inxaxheba ngokupheleleyo kwaye kumgangatho olinganayo ekudalweni koluntu olungenasini, olungenabuhlanga noluvulelekileyo kumntu wonke.
Izikhomba-ndlela zexesha elide zendlela ekusetyenzwe ngayo emazilinganiselwe
Inqaku eliqwalaselweyo
Ukunyuka kwabameli ngokusetyenziswa kweenkqubo zenyathelo lokubonelela abahlelelekileyo
Ukunyuka kokumelwa kwabafazi, ingakumbi kumaqondo abaqeqeshiweyo nabaphetheyo kwimibutho yonke;
Ukuqulunqwa kweenkqubo ezisebenzayo zenyathelo lokubonelela abahlelekileyo (ingakumbi ngokuhambelana nazithembiso zoMgaqo-siseko kunye noMthetho wokuQeshwa ngokuLingana)
Iziphumo ekujongwe kuzo ezibekwe phantsi kule ncwadana ziya kuba sisikhomba-ndlela esiyintloko, ingakumbi njengoko zibandakanya nabaphetheyo.
Ukuxhotyiswa kwezoqoqosho kunye nokuncitshiswa kobuhlwempu kubafazi
Iqondo lokulingana elisemthethweni kunye nesakhono ekwenzeni izigqibo kwezoqoqosho, libandakanya ukuqulunqwa kwemiqathango yezemali , ushishino neminye imigaqo yezoqoqosho.
Abafazi bonwabele iinzuzo ezifumaneka kwimigaqo nemisebenzi.
Ukufikelela kwiinkonzo zentlalo ezingundoqo kunye nemithombo yemveliso
Ukufikelela okuphuculweyo okuya kwimithombo yemveliso nakwiinkonzo ezingundoqo kubafazi bonke.
Kuya kufuneka kukho ukufikelela okuphuculweyo okuya kwiinkonzo ezingundoqo zemfundo, iinkonzo nezixhobo zoqoqsho kunye neenkonzo zonxibelelwano.
Ukuthatha inxaxheba kwezopolitiko nakumaqumrhu okwenza izigqibo
Iqondo apho zithi indlela zokusebenza kunye neziseko zibekwe endaweni ukuqinisekisa ukuba abafazi, bona ziqu okanye njengeqela, babenako ukuthatha inxaxheba kumabakala onke eziseko zokwenza isigqibo nakuwo onke amabakala eziseko zopolitiko, zokuphatha nezokwakha imigaqo.
Ukwaziswa koMgqaliselo waMalungelo abafazi njengaMalungelo oLuntu
Ukuguqulelwa kwalo mgaqo ukuba usebenze;
Ukwaziwa koxanduva namalungelo abafazi kusapho ngokuqinisekiswa ukuba abafazi namadoda anamalungelo alinganayo kulwabiwo lomsebenzi;
Ukufikelela okulinganayo kwabafazi kwiinzuzo zeenkonzo ezinikwa liziko loLwazi loBuchwepheshe bezoQhakamshelwano
Izenzo zamasiko, izithethe nezenkolo ezichaphazele abafazi zifanele ukuba zingqamane nomhlathi ongokulingana okuMthetho oYilwayo wamalungelo.
Ukhuseleko kubundlobongela
Ukuveliswa kweendlela zokusebenza ezilulutho kunye nezixhobo zokumelana nazo zonke iintlobo zobundlobongela nokuxhatshazwa okusekelwe kwisini;
Ukulinganiselwa komgangatho nenani leenkqubo zomqaphela noqeqesho olujolise ekuxhobiseni abasebenzi ukuba bakwazi ukumelana nobundlobongela nokuxhatshazwa okusekelwe kwisini.
Ukuzotywa kakuhle kwabafazi kwiindaba
Ukwanda kophindaphindo lokungafani kobomi babafazi, amava abo, amagalelo abo kumanqanaba kawonke-wonke nawa ngasese ngokuzotywa ziindaba.
Kuyacetyiswa ukuba kufanele ukuba kubekho indlela yokunika ingxelo yeziko ngekota nasekupheleni konyaka ukuqinisekisa ukuba kukho rhoqo ukulandelelelwa kunye nophononongo lwenkqubo ekuphunyezweni kokusebenza komgaqo kazwelonke wesini kunye nezikhokelo zokulingana ngesini njengoko kufumaneka kule ncwadana . Indlela yokunika ingxelo yekota iya kuba kwiimo yeengxelo ezibhaliweyo ezivela kumaziko karhulumente enikezelwe kwiSebe ukuze iSebe lihlanganise ingxelo evakalayo liyinikezele kumaqumrhu afanelekileyo kaZwelonke oMxokelelwano weSini.
Isiseko sokusebenza sokunika ingxelo yeziko yokuphela konyaka iya kuba kwimo yentlanganiso apho abathathi-nxaxheba abohlukeneyo baya kuthi bamenywe ukunika ingxelo ngenkqubela. Le ntlanganiso iya kuqwalasela ekuvavanyeni indlela ekusetyenzwe ngayo ngokubhekiselele kwizikhomba-ndlela ezichaziweyo kule ncwadana kunye nasekunikeni imigqaliselo ekhomba indlela eya phambili. Amaqumrhu aya kuthi futhi alindeleke ukuba anikezele iingxelo ezibhaliweyo kwiSebe, eliya kuthi lona lihlanganise ingxelo yonyaka yesebe engesini eza kunikezelwa kwumaqumrhu kaZwelonke oMxokelelwano weSini kunye neKomiti yeZikhundla engoQhakamshelwano. Iintlanganiso zonyaka ziya kuququzelelwa lisebe lezoQhakamshelwano lisebenzisana neKomiti yePalamente yeZikhundla engoQahakamshelwano. Isebe liya kuba noxanduva lokunika imigqaliselo yokuhlola, eya kusetyenziswa ukuqokelela ulwazi kwimibutho eyahlukeneyo. Liya kuba noxanduva kwakhona lokuqinisekisa ukuba izikhokela zokuhlola zabelwe bonke abachaphazelekayo. Likwanoxanduva lokuqokelela nokuhambisa ulwazi okuza kusiwa kwintlanganiso yonyaka yokuhlola.phambili.
Kwixesha elfutshane, impumelelo yoMgaqo kaZwelonke engokuXhotyiswa kwaBafazi, uMgaqo woLingano weSini kaZwelonke neZikhokelo zeSini zeCandelo iya kulinganiselwa ngokokufakwa kwembono yesini yimibutho nalisebe, ngendlela abaqhuba ngayo ushishino njengenkqubo yenguqu yangaphakathi. Kwixesha elide impumelelo iya kulinganiselwa ngenguqu eyenzekileyo ukusuka kwimo ekuyiyo ngoku yokungalingani ngesini ukuya kwimo yokulingana ngesini equlunqiweyo kulo mqathango wale ncwadana nangumgaqo-siseko. Ibakala lesibini lokuvavanywa liya kulinganisela iqondo apho abafazi namadoda akumaziko bathe batshintsha ngayo iinkolo zobuhlanga, iiznto ezixabisekileyo kubo,izithethe kunye nezenzo ezithi zihlanganise, zikhethele bucala kwaye zithintele abafazi ukuba bangaphakamisi amalungelo abo asisiseko nasekuqondeni amandla nengqiqo yabo ngokupheleleyo.
ISISEKO-SOKUSEBENZA SOKUNIKA INGXELO ESENZELWE IZIKHOMBA-NDLELA OKANYE IMILINGANISELO
UMSEBENZI
UKUQWALASELA KWINJONGO
IINDLEKO/ IMITHOMBO
UMAHLUKO
IMVELISO
IZIZATHU ZOKUNGAHAMBI NGOKWEZICWANGCISO
IGALELO LABAPHATHI
Inzuzo ngendlela ekusetyenzwe ngayo
Indlela elolo hlobo ingavelisa le nzuzo ilandelayo njengenxalenye yeziphumo zokuphuculwa zokwenziwa kwezigqibo ngokwabiwa kwemithombo, oko kukuthi :
Ingandisa ukuyimela into oyenzayo ngokwenza uxanduva lucace nokunika ubungqina bempumelelo okanye bokoyisakala;
Inganceda kwinkqubo yotshintsho lwesini okanye itshintshele ekuphatheni okunentshukumo ngokunika isiseko sokucwangcisa, sokuhlola nokuphonononga
Inganceda ekukhuthazeni abasebenzi ngokunika isiseko somxokelelwano wokuncoma abasebenzi
IMITHOMBO YOBUTYEBI
Ukongezelela kuxanduva lwenqaku eliqwalaselweyo loesini njengoko kuxeliwe kule ncwadana, imfuneko yentsebenziswano, ukuhlolwa,nokuqhakamshelana kunye nonikezelo ngenkxaso kwinkqubo yokuphucula ukuxhotyiswa kwabafazi kunye nokulingana ngesini iya kufuna ukuba imithombo eyaneleyo yenziwe ibe nokufumaneka eyenzelwe ezi ndlela zokusebenza zilandelayo:
Ukwaziswa okuthe rhoqo ngenkcazelo ngemeko yokulingana ngesini efuna ukuqokelelwa kwengxelo esekuqaleni engesini, ukusasazwa kwenkcazelo kunye nokwabelana ngengxelo kunye nophononongo oluthe rhoqo lweziko olumalunga nenkqubela ekuziphuhliseni;
Intsebenziswano ehlanganyelweyo kunye nemisebenzi yonxibelelwano phakathi kwamaziko onke ukwenzela iinkqubo ezinempumelelo zokuthatha inxaxheba nokucebisana. Kukwakho nemfuneko yokugcina uqhakamshelwano olomeleleyo namaqumrhu elizwe liphela abandakanyekayo ekuphuculweni kwabafazi.
Iinkonzo zengcebiso ezenziwa rhoqo ekufuneka zibe nokufumaneka ukuqhubela phambili ezesini
Malunga nocwangciso kunye nokuphunyezwa kweenkqubo zokuxhotyiswa kwabafazi nokulinagna kwisini, iindleko ezibandakanyekayo ziya kufuneka ukuba zihlanganiswe kulwabiwo lwemali olukhoyo. Oku kuya kuthi kufumaneka phakathi kwezinye izinto, ngokuthi kubekwe entloko inkcitho nogcino-mali olulutho. Inkcitho kwiinkqubo ezimalunga nesini kuya kufuneka zicwangciswe kwangaphambili kwaye zihlanganiswe kwinkqubo yocwangciso. Ukuba izicwangciso zenziwe, ngoko ke kufuneka ziphononongwe kwaye zihlengahlengiswe ukufikelela kwiimfuneko ezithile zabafazi.
UHLALUTYO LWESINI NJENGESIXHOBO
Uhlalutyo lwesini sisixhobo ekungenakwenziwa ngaphandle kwaso ekuqondeni umxholo nasekunyuseni ukulingana ngesini.
Ulwazi lwemo yasekuhlaleni luchazwa ngolu hlobo: "ukuqaphela ukuba uphuhliso kunye neenkqubo zenguqu zisebenza phakathi kwezentlalo, kwizithethe, kuqoqosho, kwiziseko zopolitiko ezihleli zikho kulo naluphi na uluntu okanye iqumrhu. Ngaphezu koko, uluntu kunye namaqumrhu akayonto inye / akafani amaqumrhu amagunya acwangcisiweyo nangacwangciswanga abonakalisa ubuhlobo kwezentlalo, uqoqosho kunye nopolitiko phakathi kwabantu abachaphazelekayo kwakunye nelizwe elingaphandle. Xa ibekwa ngendlela elula, ulwazi lwemo yasekuhlaleni lubalulekile ekuqondeni obu buhlobo kunye nokuhlangana kwabo nomsebenzi kwiimeko zezidingo,umphumela kunye neziphumo."
Uhlalutyo lwesini luvavanya obunye bobu buhlobo , obo buphakathi kwabafazi namadoda. Lwazisa iindima ezahlukeneyo ezidlalwa ngabafazi namadoda, amantombazana namakhwenkwe ekhayeni, kuluntu, emsebenzini, kwiinkqubo zopolitiko kunye noqoqosho. Ezi ndima zahlukeneyo zisoloko iziphumo zazo zizezokuba abafazi babenokufikelela okungaphantsi kunokwamadoda kwimithombo nakwiinkqubo zokwenza izigqibo, nolawulo olungaphantsi lwezi zinto.
Uhlalutyo lwesini sisixhobo esiyimfuneko sokuqonda imo yasekuhlaleni. Kuluncedo ingakumbi ekubunjweni komsebenzi oyilwayo njengoko kunceda abacwangcisi ukufumanisa izithintelo kunye neziseko zomsebenzi oyilwayo ukwenzela ukuba iinjongo zibe nokufikeleleka kwaye zilinganiselwe. Ukusetyenziswa kohlalutyo lwesini kumjikelo wonke wephulo, unika inkcazelo ngoku kulandelayo:
Ukwahlukana kweembono, imisebenzi, iimfuno kunye nomdla wabafazi namadoda kwingingqi yephulo, kwiziko, kuqukwa nezidingo zokusebenza kunye nezidingo zokucwangcisa umsebenzi kunye nemidla yabafazi namadoda. Izidingo zokusebenza zingachazwa njengezidingo ezifuneka ngokungxamisekileyo kwimeko ethile. Amaphulo ajonge izidingo zokusebenza abandakanya izimvo malunga neemeko zentlalo ezinganelisayo. Iimfuno zokucwangcisa umsebenzi kunye nomdla kwelinye icala zibhekisa kwimeko yabafazi namadoda akhoyo eluntwini. Le midla imalunga nolwahlulo lomsebenzi ngesini, imithombo kunye namandla.
Ukuhlobana phakathi kwabafazi namadoda ngokubhekiselele ekufikeleleni nakulawulo lwemithombo inzuzo kunye neenkqubo zokwenza isigqibo.
Umphumela wokwahlukana onokwenziwa yinkqubo okanye izingenelelo zomsebenzi oyilwayo kubafazi namadoda, amantombazana namkhwenkwe.
Izithintelo zentlalo nezithethe, amathuba kunye namanqaku okungena okunciphisa ukungalingani ngesini kunye nokunyusa ubuhlobo obungaphezulu phakathi kwabafazi namadoda.
Isakhono samaziko kwinkqubo yokulingana ngesini;
Ukwahlukana phakathi kwabafazi namadoda kunye nokungafani kweemeko zabo, ubudlelwane bezentlalo kunye nomgangatho abazifumana bekuwo (umzekelo, udidi, uhlanga ubuhlanga, ubudala kunye namandla okwenza izinto)
Isini, Iindima zesini kunye noLwahlulo loMsebenzi ngeSini
Isini sibhekisa kwiindima noxanduva olwakhwiwe ngokwezentlalo, olwabafazi namadoda. Inqaku lesini libandakanya okulindelekileyo ngokweempawu kunye nezimo zabafazi namadoda (ububhinqa nobudoda). Ezi ndima nezinto ezilindelekileyo ziyafundwa, zitshintshwe ngokuhamba kwamaxesha, kunye naphakathi kweenkcubeko. Uhlalutyo lwesini luveze kakhulu indlela ukuthoba kwabafazi okwakhiwe ngayo, kwaye oko kunokutshintsha, kuchasene noluvo lokuba oku kudaliwe ngoko akunakutshintsha.
Ulwahlulo lomsebenzi ngesini lubhekisa kwimisebenzi eyahlukeneyo ethi abafazi namadoda bayenze phakathi koluntu okanye ekhaya. Amanqaku anjengemfundo, ubuchwepheshe, inguqu kwezoqoqosho, njalo njalo enza ukuba iindima zesini kunye nolwahlulo lomsebenzi ngesini lutshintshe. Ngokuvavanya ulwahlulo lomsebenzi ngesini kuyacaca ukuba imisebenzi yabafazi namadoda ixhomekekile omnye komnye, nokuthi abafazi bathwala umthwalo omkhulu womsebenzi ongahlawulwayo ekhaya nakuluntu.
Uhlalutyo lweZiseko zokusebenza zeSini
Apha ngezantsi ziziseko zokusebenza ezisetyenziswayo ukuhlalutya imibandlela yesini kwimo yenguqu nophuhliso. Ezi ziseko zokusebenza ngamanqaku okungenela apho kwenziwa iinzame zokwenza lula inguqu. Iziseko zokusebenza zazisa isini njengombandela wohlalutyo, kulandelwa indlela 'yokusombulula ingxaki'. Imibutho iyakhuthazwa ukuba isebenzise ezi ndlela zobuchule zintsha ekuhlalutyeni imigaqo nenkqubo.
Isiseko-sokusebenza seeNdima zeSini (iGRF ngamafutshane kolwasemzini)
Isiseko sokusebenza seeNdima zeSini sijonga ukufikelela kwingeniso nemithombo, sibalula imincono kunye nezithintelo athi amadoda nabafazi basebenze phantsi kwayo ukwenzela ukuba bafumanise ukuba umsebenzi oyilwayo uya kuyichaphazela njani na imisebenzi yabo yemveliso kunye noxanduva lwamanye amalungu phakathi kwiqumrhu. Indlela esiyivelela ngayo esi siseko ingathathwa ngokuba yintlanganisela kunokuba kuthiwe 'lutshintsho' , kubonwa uphuhliso njengenkqubo apho wonke ubani angazuza. IGRF isuka kwindawo yokuba ukuze abafazi bazuze imisebenzi eyilwayo mayenzelwe ikakhulu ukuba ihlanganise ngokufanelekileyo imiba yabafazi kunye nesini kwizicwangciso zayo.
IGRF ikhangela uhlalutyo lwesini njengesixhobo sokufumanisa okwenzekayo kubacwangcisi ukwenzela ukweyisa ukunikezelwa kwemithombo okungafanelekanga. Ngeli xesha iGRF iqwalasela okwenziwa ngamadoda nabafazi - ulwabiwo lomsebenzi ngesini- ayizibopheleli ngokwayo kwiingxoxo zemisebe neendima kuphela. Ikwabalula ukwahlukana ngesini ekufikelelni nasekulalwuleni ingeniso nemithombo. Ithi ke ngoko iqondane nokuthethwa koku kwahlukana ekuyilweni kwamaphulo. Ngokupheleleyo, ijonge ekubaluleni ukwahlukana okuyintloko phakathi kwemincono nezithintelo athi amadoda nabafazi asebenze phantsi kwazo. Izimvo ezifunyenwe kolu hlalutyo zisetyenziswa ekulungiseni izicwangciso ngendella yokuphucula uphuhliso lulonke.
Uphando olucwangcileyo kwimisebenzi yamadoda nabafazi izama ukweyisa iingcinga ezondeleyo ezenza ukuba umsebenzi wabafazi ungabonakali. Eyona nto icingelwayo ebophelela iGRF kokokuba abafazi ababanganako ukuzuza 'kuphuhliso' ngenxa yokuba iinzame zezicwangciso zoyisakele ukufumanisa ngokupheleleyo elona galelo abanokuthi babe nalo kwinkqubo yophuhliso. Ngokwengcamango eyamkelekileyo ke ngoko, ukuba ukungakhathali kwabacwangcisi kuyasonjululwa kwaye abafazi bahlanganiswe kwinkqubo yophuhliso nabo njengamadoda - bangazuza kwinkqubo. IGRF ke ngoko ijonga uphuhliso njengenkqubo apho wonke ubani angazuza kuyo. Ngaphaya koko, ukuba imiba yesini iyaziswa kakuhle kwaye ihlanganiswe kwinkqubo yophuhliso, ke ngoko ukusebenza komsebenzi oyilwayo kuya kunyuka; ukukhula koqoqosho kunye nobulungisa bezentlalo bumemeza uqwalaselo olungaphezulu ekuhlanganisweni kwabafazi kwinkqubo yophuhliso.
Isiseko sokusebenza soCwangciso kwiSini (iDPU ngamafutshane kolwasemzini)
Isiseko sokusebenza soCwangciso kwisini, iDPU, sibizwa ngolo hlobo ngenxa yokuba uCarolyn Moser kwiSebe loCwangciso, kwiYunivesithi yaseLondon, wasiphuhlisa. Esi siseko sokusebenza siya kuthi futhi sibe sesona sisetyenziswa kakhulu. Ngokwesi siseko sokusebenza uhlalutyo lwendima ebume buthathu yabafazi luqulethe intloko yohlalutyo, naluphi na uvavanyo malubandakanye ukuthathela ingqalelo yezinye iziqulatho zalo ezibini: izidingo zesini zezenzo kunye nezokucwangciswa komsebenzi; kunye nokubekelelwa kwemiqatahngo yendlela yokuvelela imeko kubafazi kwinkqubo yophuhliso. Izidingo zivela kwiimeko abathi abafazi bahlangane nazo ezisekelwe kwisikhundla sabo kulwahlulo-msebenzi ngesini. Ngokwahlukileyo, izidingo zocwangciso lomsebenzi zibhekisa kwezo mfuno zivela kuhlalutyo lokuthobela kwabafazi amadoda kunye nokubunjwa kombutho olinganayo woluntu.
Okunika isixhobo ukumanya okuthile ngumyalezo wopolitiko; imfuno yokusebenzisa iinkqubo zokutshintsha ubudlelwane besini obulingalinaniyo. Umahluko phakathi kweemfuno zezenzo kunye nezocwangciso lomsebenzi unganceda abacwangcisi ukuba bacinge kakhulu. Izinto ezicingelweyo zicacile kwiDPU. Zezi
Abamkeli abahluphekileyo nabamivuzo iphantsi eluntwini lethu, ingakumbi abafazi, ngabona bafanele ukuncedwa;
Ukukhula koqoqosho kudlale indima ebalulekileyo ekufumaneni intlalontle yabantu;
Ucwangciso oluqala phantsi luye phezulu nolunentsebenziswano luyinzuzo kwiinkqubo zophuhliso.
Isiseko sokusebenza iDPU siyohlula phakathi 'kwabaqeqeshiweyo' kunye 'nopolitiko' ichaza ucwangciso lobuni njengomsebenzi 'wokuqeqesha'. Isiseko sokusebenza sigqiba ekubeni ngokuqokelela ingxelo ngokusekelwe kwisicwangciso esibume buthathu kwaye sahlule phakathi kweemfuno zokwenza kunye neemfuno zocwangciso lomsebenzi, zingafunyaniswa izidingo zocwangciso zabafazi kumaziko ahlukeneyo.
Isiseko sokusebenza sobudlelwane bezeNtlalo (ISRF ngamafutshane kolwasemzini)
ISRF ichazwa luhlalutyo lobudlelwane bezentlalo phakathi kosapho, kurhulumente kwiimarike, eluntwini njalo njalo oluthi lubonakalise iindlela ethi isini kunye nokunye ukungalingani kudalwe okanye kukhuliswe ngayo. Ivavanya iinkqubo zentlalo ekufikelelwa ngazo kwiimfuno zabantu kunye namaziko okuthi ukungalingani kwakhiwe kwaye kukhuliswe ngawo. Ithathela ingqalelo ubudlelwane besini obunempixano kunye nobusebenzisnayo - inkqubo yothethwano.
Ukuqwalasela kwimisebenzi yesini kwakunye nomahluko wesini ekufikeleleni nasekulawulweni kwemithombo, kukwabonakalisa umnweba wobudlelwane, kubandakanywa umgangatho, ubuhlanga, iminyaka, ezenkolo, njalo najlo, apho isini sinamathele khona. Ifumanisa ukubandakanyeka kwabafazi phakathi kwinkqubo yemveliso zosasazo ekhokelwa yimakethe kwaye ixoxe ukuba abafazi abashiywanga ngaphandle kwinkqubo yemveliso nosasazo ekhokelwa yimakethe kwaye ixoxe ukuba abafazi abashiywanga ngaphandle kwinkqubo yophuhliso kodwa bahlanganiswe kwinkqubo ngokweemeko ezilinganayo.
Ngokutsala uqwalaselo kwiintlobo zeenkqubo zezentlalo kunye namaziko ekuthi ukungalingani kwezentlalo kwakhiwe kukhuliswe ngazo, iSRF iya kuphepha ukuphazamisa abafazi kumaziko apho bathi baphile khona ubomi babo. Ngokwembono yeSRF, imithetho, imithombo, izenzo namaqondo ohlukeneyo okuyalela nolawulo alo naliphi na iziko amele ukuhlalutywa ukwenzela ukuveza ukuba ngaba isini sibunjwa njani njengobudlelwane bokungalingani phakathi kweziko elo. Njengesiseko sokusebenza semisebenzi yesini, uhlalutyo olunjalo lubalula imisebenzi noxanduva olwahlulwe ngokwesini kunye nolwahlulo lwesini ekufikeleleni nakulawulo lwemithombo.
Uhlalutyo lwesini lunika inkcazelo yokufumanisa ezona ndlela zokusebenza ziluncedo kwimeko ethile kunye nokufumana iziphumo ezixhasa ukulingana ngesini, okanye ukuxhasa ukulingana ngesini zingaphawulwa phakathi kwiinkqubo okanye kumaphulo apho ukulinagna ngesini kuyenye yenani leenjongo.
Uhlalutyo lwesini luyafuneka kuyo yonke imigaqo, nakuzo zonke iinkqubo nakwimisebenzi yonke eyilwayo. Ukusetyenziswa kohlalutyo lwesini kuya kwahluka ngokuxhomekeke kwimvelaphi kunye nobubanzi bamanyathelo okuqala.
Izenzo Ezilungileyo Kuhlalutyo Lwesini
Uhlalutyo lwesini yenye yefestile yamathuba kumjikelo womsebenzi oyilwayo okanye inkqubo apho ugcino lwemithombo (ixesha, amandla kunye nemali) lukhokelela kwiziphumo zokulingana ngesini.
Uhlalutyo lwesini olulungileyo:
Lubeka abantu phambili nasembindini
Lufuna abantu abaqeqeshiweyo nabanobuchule
Lubandakanya ubuchwepheshe basekuhlaleni obunesiseko esiluqilima kwimiba yolingano ngesini
Lubandakanya inani elibonakalayo labafazi kunye/ okanye namalungu abafazi azintloko amaqumrhu angabalingane
IZIKHOKELO ZOHLALUTYO LWESINI
Imiqaqo ifanele ukuba ijoliswe koku kulandelayo:
Uhlalutyo lwesini: kubuzwa ntoni
Ngubani olixhoba (ngendlela engqalileyo nengangqalanga) lomgaqo, inkqubo okanye umsebenzi ocetywayo. Ngubani oya kuzuza? Ngubani oya kulahlekelwa?
Ingaba abafazi bakhe bandwendwelwa malunga 'nengxaki' inkqubo ezama ukuyisombulula? Ingaba babandakanywe njani ekuphuhlisweni kwesisombululo?
Ingaba isingenelelo sicela umngeni kulwahlulo lomsebenzi ngokwesini esikhoyo, kwimisebenzi ekhoyo, uxanduva namathuba akhoyo?
Yeyiphi indlela iyeyona ilungileyo ukwakha (nokomeleza) ukuzinikela kukarhulumente ekuphuculweni / ekuphuhlisweni kwabafazi?
Afumaneka phi amathuba okutshintsha okanye amakroba okungena? Kwaye angaseteynziswa njani ngeyona ndlela ilungileyo?
Zeziphi iindlela ezithile ezinokucetyiswa ekukhuthazeni nasekwenzeni ukuba babenakho abafazi ukuthatha inxaxheba kumgaqo/ kwinkqubo/ kwiphulo, ngaphandle kokujonga imeko yendawo abahlala kuyo nemo yabo yokuthobela?
Yintoni umphumela wexesha elide ngokubhekiselele ekunyusweni kokukwazi kwabafazi ekuthatheni ulawulo lobomi babo, nokuthatha inyathelo elihlanganyelweyo ekusombululeni ingxaki?
Uhlalutyo lwesini: Omakwenziwe
Funa ukuqonda ngobudlelwane besini, ulwahlulo lomsebenzi phakathi kwamadoda nabafazi (abangasebenziyo), kwaye ngubani ofikelelayo nonolawulo kwimithombo.
Bandakanya imisebenzi yekhaya (eyokuzala) kunye nomsebenzi woluntu kuqulunqo lomsebenzi. Fumanisa iindlela abathi abafazi namadoda asebenze ngayo nabanegalelo ngayo kuqoqosho, kusapho lwabo kunye naseluntwini.
Sebenzisa iinkqubo zokuthatha inxaxheba kwaye ubandakanye uluhlu olubanzi lwabafazi namadoda aphetheyo kwiqondo loburhulumente kunye naseluntwini - kubandakanya imibutho yabafazi kunye neencutshe zokulingana ngesini.
Fumanisa imiqobo esekuthatheni inxaxheba nasekukhuleni kwabafazi entlalweni, kuqoqosho, emthethweni, upolitiko, izithethe, njalo njalo.
Funa ukuqonda ngeemfuno /umdla wabafazikwaye ufumanise imiphumela efuna ukwaziswa.
Qulunqa ingxelo esisisekelo, qiniseka ngengxelo yalwahlulo ngesini, misa iinjongo ezlinganiselekayo kwaye fumanisa iziphumo ezilindelekileyo kunye nezikhomba-ndlela.
Dwelisa imingcipheko elindelekileyo (bandakanya nezinto ezibuyisela umva) kwaye uphuhlise iindlela zokusebenza eziya kuthi zinciphise le mingcipheko.
Ingaciso-gama ngempatho egadalala kwisini
Enye indawo efuna ukuqwalaselwa ngokuphathelelene nokuxhotyiswa kwabafazi nokuqinisekisa ukuba imeko yokusebenza yamkelekile kubafazi ukuba basebenze yimpatho yogonyamelo kwezesini. Nangona lo mgaqo ungazukuvelelwa ngokubanzi ngokuphathelele kumba wempatho egadalala ngokwesini, inkcazelo enabileyo yempatho yobundlongo-ndlongo ngokwesini inikezelwe. Amaziko ke ngoko kufuneka evelise imiqathango yempatho egadalala ngokwesini ukwenzela ukuba isetyenziswe kwimibutho yawo.
Nangona kukho inkcazelo ezininzi zempatho egadalala ngokwesini, olu xwebhu luyichaza impatho egadalala ngokwesini njengalo naluphi uqwalaselo olungamkelekanga olungamenywanga olumvelaphi iyeyesini (ngokubhekiselele kwimeko yokusebenza) eyenza ukungahlali kamnandi, ukuphatheka kakubi emoyeni, okanye iphazamise indlela yokusebenza yomntu lowo.
Enye inkcazelo
Impatho gadalala ngokwesini sisenzo
Esingafunekiyo
Esimvelaphi isisini
Esenziwa emzimbeni, yintetho okanye kungabikho ntetho
Sithoba isidima somntu ogonyamelwayo emsebenzini kwaye sidala imo engamkelekanga nenenkohlakalo emntwini
Kwesi simo kukho intlantsi yokusebenzisa amagunya kakubi
UKUDIBANISA UKULINGANA KWISINI NEMINYE IMIMANDLA EBALULEKILEYO KAZWELONKE
Esi sahluko sidwelisa amaqhagamshela phakathi kweSebe , eminye yemimandla ebalulekileyo kazwelonke kunye nokulingana ngesini. Ikwaphinda inike imizekelo yeziphumo ezinokuthi zenze igalelo ekufumanekeni kokulingana ngesini.
Inkqubela ingenziwa ngokuphawula iziphumo eziphucula ukuthatha inxaxheba kwabafazi okulinganayo nokwamadoda njengabenzi-zigqibp ekubumbeni uphuhliso olwamkelekileyo lwamaqumrhu abo, ngokuxhasa abafazi namntombazana ekufumaniseni ngamalungelo oluntu abo apheleleyo kwaye kuncitshiswe ukungalingani ngesini ekufikeleleni nakulawulo lwemithombo nenzuzo zophuhliso. Iziphumo zokulingana ngesini zifanele ukuba zivakaliswe kuqo onke amanyathelo okuqala.
Ukulinganiselwa kwenkqubela kwiziphumo zokulingana ngobuni kufuna ukulanda emkhondweni izikhomba-ndlela ezifanelekileyo ukwenzela ukuqokelela inkcazelo ngeenguqu ezithi zenze igalelo ekuzuzweni kolingano ngesini.
Olu luhlu lulandelayo ludwelisa amaqhagamshela olingano ngesini nezinye izinto ezibalulekileyo zikaZwelonke.
Imimandla ebalulekileyo kazwelonke
Amaqhagamshela olingano ngesini
Imizekelo yeziphumo ethi ibe negalelo ekufumanekeni kolingano kwisini
Ukuncitshiswa kwendlala:
ukukhuthaza imiqathango eza kudala imeko ekuvumelayo ukuncitshiswa kwendlala; ukuxhasa iinkqubo eziqwalasela indlala ezithi ziphucule amathuba okuvelisa ingeniso, ukuqeqeshelwa ubugcisa kunye neenkonzo ezisisiseko; uqulunqo lwezingeneleli ezinjongo ikukungqala ekuxhobiseni amaqela angamaxhoba njengabafazi abangaqeqeshwanga abangekho ndaweni
Xa kuthelekiswa namadoda, abafazi ngesiqhelo nje kunganeno okwabo ukufikelela nolawulo kwizinto zophuhliso (imveliso), ingqesho kunye namathuba oqeqesho, iinkonzo ezisisiseko, inkcazelo, kunye nokwenziwa kwesigqibo. Oku kungalingani ngesini kunegalelo ukukhuthazeni indlala ukusuka kwesinye isizukulwana ukuya kwesilandelayo
Ukwanda kokufikelela nolawulo lwezinto eziveliswayo, inkqubela kunye nokushishina kwabafazi.
Ukwanda kokufikelela nolawulo lweenkonzo ezisisiseko njengemfundo.
Ukwanda kokuqeqeshelwa ubugcisa nesakhono samathuba ophuhliso kwakunye noqeqeshelo lomsebenzi osele usenziwa kunye namathuba okuphatha kubafazi.
Ukomelezwa kwesakhono samaziko angabalingane, amaqumrhu karhulumente nawezentlalo, ukunyusa, ukubumba nokufaka ukusetyenziswa kwemiqatahngo, iinkqubo kunye nemiseebnzi ethi ibonakalise iimfuno, izinto ezibalulekileyo kunye nezingumdla kubafazi namadoda , kwaye kuxhaswe ukulingana ngesini.
Amalungelo oluntu, ukuthetha okukhululekileyo kunye nolawulo lukarhulumente olulungileyo: ukunyusa intlonelo yamalungelo oluntu, kubandakanywa amalungelo abantwana, ukunyusa ukuthetha okukhululekileyo kunye nolawulo olungcono; nokuqinisa uluntu nokhuseleko lomntu.
Amalungelo oluntu abafazi namntombazana akanakohlulwa ahlangene kwaye alicandelo elingahlukanisekiyo lawo onke amalungelo oluntu neenkululeko ezisisiseko.
Ngokunyusa kunye nokuxhasa iinkqubo ezijongene nokutshatyalaliswa kwazo naziphi iintlobo zocalucalulo ezisekelwe kwisini, isebe linganceda ukubumba isenzo esitsha samalungelo oluntu elithi likhusele bonke abantu.
Amanani amakhulu amaqumrhu abasebenzi amele amalungelo abafazi namantombazana Ukuphaphama okukhulu kwabafazi namntombazana malunga noqoqsho, intlalo, upolitiko kunye nezithethe zabo kunye nenkxaso enkulu yala malungelo evela kumadoda namakhwenkwe.
Ukunyuka kwesakhono samaziko ekufakeni ukusebenza kwemiqathango kunye neenkqubo ezazisa ngemiba enjengobugebenga basemakhaya.
Ukuphuhliswa kwamaziko abucala: ukukhula koqoqsho oluzinzileyo nolulinganayo
Abafazi namadoda bajongene nezithintelo zentlalo noqoqosho ezohlukeneyo ekunikeni izimvo ngamathuba ezoqoqosho kumaziko abucala. Ngokuqhelekileyo, ezi zithintelo zingqamana nokuthi abafazi imfuno yabo inganeno okanye uqeqesho olufanelekileyo, kunganeno ukufikelela nolawulo lwabo lwemali kunye neemakethe zezimali. Abafazi baphinde futhi babe noxanduva olungaphezululokukhathalela amakhaya kunye nabantwana.Imithetho yerhafu ingabandakanya izinikezelo ezicalucalulayo ngakubafazi, ngeli xesha iimvakalelo neenkolelo zingabeka imiqobo kumathuba abafazi kumaziko angasese.
Ngokuphawula nokwazisa oku kungeneliseki kushishino kunye nemiqobo yezentlalo evalela abafazi ekuthatheni inxaxheba ngokulinganayo, isebe liya kwenza igalelo ekukhuleni koqoqosho oluzinzileyo nolulinganayo..
Ukunyuswa koqoqsho olukhethekayo kubafazi abahluphekileyo. Ukufikelela okukhulu kunye nolawulo ekuthengeni ngetyala, uqeqesho kunye neenkonzo zabaphathi abangabafazi.
Ukunyuka kwesakhono sabalingane bamaqumrhu ekwaziseni imiba yokulingana ngobuni kwimiqathango yabo nasekuhlaziyweni koqoqosho.
Ukususwa kwezenzo zocalucalulo olubhekiselele ingakumbi kwimimiselo yokusebenza, (umzekelo: inkululeko ekuphathweni gadalala ngokwesini).
Iinkonzo zamaziko okusebenzela
Amava abonakalise ukuba abafazi namdoda banezinto ezibalulekileyo ezahlukeneyo malunga nobuchwepheshe kwaye bazisebenzisa ngokwahlukeneyo (kwaye bohlukene ekufikeleleni nakulawulo) iinkonzo zamaziko okwenzela umsebenzi ezisekwe kwimisebenzi yabo yezentlalo, kuxanduva lwabo, nokuba nezinto nemithombo yemali.
Ngokuphawula ezi yantlukwano, iinkqubo kunye nemisebenzi iya kubanakho ukunika iinkonzo zamaziko okwenzela umsebenzi ezihlangabezan nezidingo zonxibelelwano kunye nezidingo zolwazi zamadoda nabafazi.
Ukuphuculwa kokufikelela kwabafazi kwiinkonzo kunye nakuamziko okwenzela umsebenzi.
Ukunyuswa kwesakhono sabafazi nemibutho yabo ukuze babenefuthe kwizigqibo ngokubhekiselele ekuyilweni kweenkonzo ezinxulumene namaziko okwenziwa kweenkonzo.
Ukunyuka kwengqesho kubafazi.
Ukunyuka kwesakhono samaziko ekubumbeni nasekuphumezeni amaziko okwenzela umsebenzi esithi sivelele isidingo nezinto ezibalulekileyo zabafazi abahluphekielyo.
Ukunyuka kwenani labafazi abaqeshwe kwimisebenzi engeyoyemveli.
Abafazi kuphuhliso: ukuxhasa ukuthatha inxaxheba okupheleleyo kwabafazi njengabalingane abalinganayo kuphuhliso oluzinzileyo loluntu lwabo.
Inkxaso yolingano ngesini olufunyenweyo luqhutywa ngeenzame zokuhlanganisa kwiingingqi zonke zoqulunqo ezazisaziwa njengeWID dityanisiweyo nangokufaka isandla kwiimbono ezinjongo ikukuxhasa ukulingana ngesini (eyayisaziwa njengeWID)
Ngeli xesha ukulingana ngesini kuyinjongo efanele ukuhlanganiswa kwiingingqi zonke zendlela zokuqhuba iinkqubo, kwiinkqubo nakwimisebenzi enjongo yazo iyintloko ikukuxhasa ukufumaneka kokulingana ngesini kwaye ixhase iinzame ezibanzi zokuhlanganisa nokunyusa ukulingana ngesini. Imizekelo ibandakanya iimali zesini, inkxaso yamaziko engqalileyo kwisigqeba sesini.
Ukomeleza abalingane bemibutho, imibutho yamaziko abucala ukunyusa, ukubumba nokusebnzisa imigaqo, iinkqubo kunye nemisebenzi ethi ibonakalise izidingo, izinto ezibalulekileyo kunye nezinto ezingumdla kubafazi namadoda kwaye zixhasa ukulingana ngesini.
Ukunyuka kokuphawulwa kobugebenga kubafazi njengengxaki yentlalo kwaye nokuzinikela okukhulu okuvela kwizigqeba zoshishino nakwimibutho yezikhundla elwa obu bundlobongela.
Ukunyuka koqwalaselo kwizidingo zabafazi, kwizinto ezibalulekileyo nezingumdla kubo ezintlanganisweni.
Ukunyuka kwesakhono seqela lesini, ikomiti yesini kunye nemibutho yoqwalaselo lwesini kwimibutho yezikhundla ukuhlola nokufuthela. iinkqubo zocwangciso.
Ukunyuka kwesakhono seSebe ukuqalisa ukusebenzisa uku...--
sesebe ukuphumeza umseebnzi walo wesini ngokuyalelwa yiKhabhinethi.
Ukuxhotyiswa okungaphezulu kwabafazi kwezentlalo,kuqoqosho nopolitiko njengoko kulinganiselwa ngokunyuka kokwenza isigqibo, ukuphaphamela umthetho kunye nengqokelela yezenzo zokuzifumanisa ukuba ngabo.
Izidingo zoluntu ezisisiseko: ukuxhasa iinzame zokuhlangabeza izidingo zoluntu.
Abafazi namdoda banezidingo ezahlukeneyo ezivela kwimisebenzi yabo yentlalo kunye noxanduva lwabo. Abafazi baye bathande ukuba babe noxanduva lokuba bafikelele kwizidingo zabo kunye nezo zeentsapho zabo kanjalo, bajongane nezithintelo ezithile ekufikeleleni kwiinkonzo ezihlangabezana nezidingoo zabo ezingundoqo, ngenxa yokuba bengenalungelo lokufikelela nokuba nolawulo nokuphatha imithombo kunye nokungabi negunya lokwenza izigqibo.
Ezi zithintelo zithile mazithathelwe ingqalelo ukuze kuqinisekiswe ukuba izidingo zoluntu lonke ezingundoqo ziyahlangabezeka, kwaye nokuthi noqulunqo lwezidingo zoluntu ezingundoqo kunegalelo ekunciphiseni ubuhlwempu.
Ukunyuka kokufikelela nolawulo ekwenzeni isigqibo kwabafazi ekubunjweni, ekuphatheni nasekugcineni umgangatho weenkqubo kunye neenkonzo.
Ukunyuka kokufikelela kwiinkqubo zemfundo yabafazi namantombazana.
Ukupheliswa kweengcinga ezondeleyo zesini kuwo onke amaqumrhu neenkqubo.
ISIPHELO
Le ncwadana yemigaqo yokulingana ngesini izamile ukubeka imbono ecacileyo kunye nesiseko sokusebenza ukukhokela inkqubo yemithetho yophuhliso, imigaqo, iindlela zokuqhutywa komsebenzi kunye nezenzo eziya kuthi zincede ekuqinisekiseni amalungelo alinganayo kunye namathuba abafazi kunye namadoda kwiinkalo zonke kunye neziseko zokusebenza kumbutho wethu.
Mkhulu umsebenzi osafuna ukwenziwa. Kufuneka kuguqulwe isiseko sokusebenza esifumaneka kule ncwadana siguqulelwe kwiindlela ezithile zokusebenza ezifumanekayo kwaye eziluncedo ekuphunyezweni komsebenzi.
Ukuhlangabezana nalo mngeni kufunwa iinzame ezizinzileyo ngurhulumente, imibutho yabasebenzi, amashishini, imibutho yabucala engeyiyo karhulumenete kunye nemibutho yasekuhlaleni.
